Amapolisa acela ukufuniswa umntwana oyinkwenkwe ogama linguAmamkele Lishushu Mpetha ononyaka oneenyanga ezilishumi ubudala wakuNomcamba, eNgqeleni, oduke ngoMvulo wale veki.
Ngokwengxelo kaKapteni Welile Matyolo ithi, uAmamkele wayekunye nomakhulu wakhe kowabo xa umakhulu lo eqaphela ukuba ulahlekile – wamkhangela, walumkisa nabamelwane kodwa abazange bamfumane.
“Le nkwenkwana ibinxibe isikipa esineyvi kwaye iyakhanya ngebala,” utshilo uMatyolo.
Onolwazi malunga nokuba uphi lo mntwana ulahlekileyo makaqhagamshelane nabecuphi becandelo lobundlobongela kusapho, ukukhuselwa kwabantwana namatyala ezesondo, uKapteni Nomanjila ku082 6975 920, okanye uSajini Pakathi ku072 724 2600 okanye iSAPS Crime Stop ku08610010.
SONA 2025 | Intetho yobume besizwe epheleleyo