Icandelo elijongene nobuNdlobongela kuSapho, uKhuseleko lwaBantwana kunye noLwaphulo-mthetho ngokweSondo (FCS) kwisikhululo samapolisa saseMount Road, eGqeberha, likhangela intwazana elahlekileyo.
Intwazana enguRoylene Thandeka Moletswana, 17, yemka kwikhaya layo elikwisitalato iCadalec, eBalfour Heights, eMissionvale, ukuya esikolweni ngomhla wama28 kweyeDwarha ka2024 emva kwentsimbi yesixhenxe ekuseni, ngokwengxelo yesithethi samapolisa uCaptain Andre Beetge.
“Ebenxibe iyunifomu yakhe yesikolo – isikolo samabanga aphakamileyo saseHillside – ibleyiza enombala omdaka, ijezi engenamikhono (pullover) engwevu, ihempe emhlophe nezihlangu ezimnyama,” utshilo uBeetge.
Kuthiwa akazange abuyele ekhaya oko kwaye umama wakhe wavula ityala lomntu olahlekileyo ngomhla we15 kweyeNkanga ka2024.
Nabani na onokuthi ancede amapolisa ngolwazi ngendawo akuyo angatsalela umcuphi weqela leFCS kwisikhululo samapolisa aseMount Road, uDetective Constable Samantha Frost ku-071 352 4684 okanye iCrime Stop ku-08600 10111.
UHLAZIYO: URoylene Thandeka Moletswana ufunyenwe kwikhaya letshomi yakhe eKwaZakhele ngezithuba zentsimbi yeshumi elinanye ngentseni yayizolo, sele egodisiwe ukunye nosapho lwakhe.
Kubanjwe abarhanelwa abangama84 kwisithili saseSarah Baartman