Kukhangelwa izizalwane zamadoda amabini afunyenwe ebhubhile eGqeberha

Amapolisa aseSwartkops, eGqeberha afunisa ngezizalwane zamadoda amabini nafunyenwe ebhubhile kwiziganeko ezibini ezahlukeneyo kwiveki ephelileyo.

Kwisiganeko sokuqala, kufunyenwe umzimba wendoda ibhubhile kwisitalato iOld Grahamstown, emva kwemini ngoLwesihlanu, nalapho ibigqunywe ngesanti.

Ingxelo ithi umzimba wale ndoda ufunyenwe unamanxeba abonakalayo, kwaye ibinxibe iblukhwe emnyama, neeteki ezingwevu ezikwanemigca emhlophe.

Ngokwengxelo yamapolisa umzimba wale ndoda ufunyenwe sele usonakala, kwaye akukaziwa ukuba ngubani na. Kuvulwe ityala lokubulala.

Ukanti omnye umzimba wendoda ufunyenwe udada eSwartkops River, ngokuhlwa kwangoLwesihlanu. Ingxelo ithi le ndoda ibinxibe iblukhwe yohlobo lwe-tracksuit engwevu.

Umzimba wale ndoda ukhutshwe ngamapolisa kulo mlambo, kwaye uphando luyaqhuba.

Kucelwa nabani na onokuba nolwazi ekukhangeleni izihlobo zala madoda ukuba aqhagamshelane namapolisa aseSwartkops ku-082 302 5807 okanye iCrime Stop ku-0860010111, okanye athumele umyalezo oneenkcukacha kwi-app yeMy SAPS. Ukanti ungatyelela isikhululo samapolisa esikufutshane nawe ukunika iinkcukacha.