Kukhangelwa obulele inenekazi kwaLanga

Usapho lakwaDotyeni olulahlekelwe ngumntwana walo * -Unathi Dotyeni kwaLanga eKapa UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Kapa: Amapolisa aseNtshona Koloni abongoza nabani na onolwazi malunga nesiganeko sokubulawa kwenenekazi lakwaLanga ebelineminyaka engamashumi amathathu ubudala.

Usomlomo wamapolisa ephondweni uKapteni Fredericks Van Wyk uthi “Kuvulwe idokethi lokuphanda emva kwesiganeko sokufunyanwa komzimba wenenekazi elineminyaka engamashumi amathathu ubudala, phakathi kwamatyotyombe kwingingqi iZone 26 kwaLanga, ngentsasa yangoMvulo umhla wama-29 kuCanzibe. Sicela nabani na onolwazi ngesi siganeko aze emapoliseni ukuze kubanjwe abenzi bobubi.”

Ingxelo yelungu losapho ithi, * -Unathi Dotyeni ugqityelwe ukubonwa ehamba nomhlobokazi wakhe besiya kwindawo yokuzonwabisa eyaziwa ngokuba kuseMatshayineni, nalapho kuvakala ukuba ebusuku umhlobokazi uye wathi mabagoduke kuba sele kusebusuku kakhulu, kodwa wala * -Unathi esithi usahleli kwaye uzakugoduka nelinye inenekazi elinguBusi – elingummelwane wakhe.

UBusi uxelele usapho ukuba emva kokuba bephumile kwindawo yolonwabo, * -Unathi uye wathi ulambile, ze yena wacebisa ukuba baye kwadade wabo bayokufuna into yokutya nalapho baye bahamba nomfana othile.

Bathe bakufika kwadad’boBusi bafika isifudumezi-kutya singasebenzi, uBusi wayakufudumeza kwammelwane.

U-Unathi uthe akuqaphela ukuba uBusi akekho endlini waphuma elandelwa ngumfana lowo bebehamba naye ukusuka kwindawo yolonwabo, wabe uyagqityelwa ukubonwa.

UVuyokazi Dotyeni ongumzala ku-Unathi uthi, “Silusapho asikayamkeli into yokusweleka ngolu hlobo kuka-Unathi, ebengenguye umntu othanda ukonwaba. Kwalapha eKapa akukudalanga efikile. Imbi kakhulu indlela abulewe ngayo, ingathi ubulewe ngumntu ebenenzondo ngakuye.”

Ngokwengxelo umzimba weli nenekazi ufunyenwe unamanxeba aliqela ekwakrolonqwe namehlo.

Ukanti kurhaneleka nokuba udlwengulwe, kwaye abantu barhanela umfana ebebehambe naye ukusuka kwindawo yokuzonwabisa.

isibhalo@inl.co.za