Kukhangelwa obulele owasetyhini eMthatha

AMAPOLISA aseMthatha avule ityala lokubulala kulandela ukubhubha ngoko nangoko kowasetyhini onama32 eminyaka ubudala emva kokudutyulwa izihlandlo eziliqela.

USajini Kaya Matola-Mvanyashe uthi malunga nentsimbi yesithoba ngoLwesihlanu, amanenekazi amabini bewehamba kumgaqo weenyawo ukusuka kwindlela uR61 engekude kuyaphi eMpuku, eFortgale eMthatha.

UMatola-Mvanyashe uthi kuthe gqi indoda engaziwayo yathulula ngeembumbulu kwelinye laloo mabhinqa izihlandlo eziliqela laze labhubhela kuloo ndawo.

“Isihlobo sobhubhileyo siye safa isiqaqa saze sabalekiselwa kwisibhedlele esikufutshane. Umrhanelwa akaziwa kwaye nonobangela wesi senzo awaziwa,” kutsho uMatola-Mvanyashe.

Kwesinye isiganeko, kubikwa ukuba ngoLwesihlanu malunga nentsimbi yeshumi elinanye ebusuku, indoda enama43 eminyaka ubudala ifunyenwe ibhubhile ngaphakathi kwigumbi layo inamanxeba kumzimba ongentla kwilali yaseMaqhinebeni kwalapho eMthatha.

Le ndoda kuthiwa ibhaqwe sisizalwane sayo.