Kukhangelwa odlwengule isidala sakhe

Amapolisa aseLusikisiki akhangela indoda engumqhubi wezithuthi zikawonkewonke edlwengule intwazana enama24 eminyaka ubudala, nekuvakala ukuba babekade benobudlelwane ngaphambili.

Ngokwengxelo ephuma kuSajini Kaya Matola-Mvanyashe, ixhoba belisehlika kwenye imoto njengoko belifika kwindawo yalo ebelisiya kuyo. Ixhoba liye labona isithuthi esiluhlobo lwequantam, xa lisiya kuso kuba lifuna ukuqhubekeka nendlela yalo, lafika kukho indoda elalikade lithandana nayo ngaphambili kule quantum.

Umrhanelwa unyanzele ixhoba ukuba likhwele uza kulisa apho liya khona, labe ixhoba lisiya kwindoda elincuma nalo. Umrhanelwa ulinyanzelise ngenkani langena, emva koko walisa kwilali yakwaSandlulube apho afike walidlwengula.

Umrhanelwa uyaziwa kwaye ngowelali iLuqhoqweni usebenza njengomqhubi wezithuthi. Okwangoku akukabanjwa mntu nanjengoko esabalekile.