Kukhangelwa onokungena endaweni kaDlamini-Zuma

Amazwe aseAfrika ayajampalaza ekhangela inkokeli enokungena ezihlangwini zikaNkosazana Dlamini-Zuma njengosihlalo wekomishini yembumba yamazwe aseAfrika (AU).

Le mbumba izakubamba indibano yayo yokugqibela phambi kokuba aphume kwesi sikhundla uDlamini-Zuma eKigali eRwanda.

Ingxelo ephuma kula mbutho ithi, amagama ebefakiwe ngaphambili ebonisa umdla kwesi sikhundla awafikeleli kumgangatho ofunekayo.

Lo kaDlamini-Zuma kulindeleke ukuba ashiye esi sikhundla ingaphelanga inyanga yeThupha walo nyaka. Lowo wayesakuba ngumongameli welizwe laseTanzania uJakaya Kikwete kunye nomphathiswa wesebe lezangaphandle eAlgeria uRamtane Lamamra, ngabo ekulindeleke ukuba kujongwe kubo xa kuqeshwa kwesi sikhundla.

Le ngxelo ihambisa ithi, ukukhangelwa komntu ozakungena kwesi sikhundla kungahle kulibaziseke kungenzeki kwinyanga ezayo koko kuqhutywe ekuqaleni konyaka ozayo eAddis Ababa.

Oku kunganyanzela uDlamini-Zuma okanye usekela wakhe uErastus Mwencha ukuba abambelele kwesi sikhundla kude kufike elo xesha, itsho ingxelo.

Ixesha awayesikelwe lona uDlamini Zuma liyaphela ekupheleni kwenyanga ezayo, kwaye oku kubangela ukuba kubekho umntu ozakuthatha esi sikhundla sibaluleke kangaka. Ingxelo ithi uJacob Zuma ukhe wabongoza amazwe akumazantsi e Afrika ukuba afumane umntu ofanelekileyo kwesi sikhundla.

Khe zavela iingxelo zokuba lo kaDlamini- Zuma unyeke ukuthatha isikhundla sokongamela kweli endaweni kaJacob Zuma ngonyaka ka2019 okanye phambi kwelo xesha.

Abagqatswa abathathu abebe- bonise umdla kwesi sikhundla baquka umphathiswa wesebe lezangaphandle eBotswana uPelonomi Venson-Moitoi kunye nalowo wayesakuba ngusekela mongameli welizwe laseUganda Specioza Naigaga Wandira Kazibwe kunye nomphathiswa wesebe lezangaphandle eEquatorial Guinea uAgapito Mba Mokuy.