Kukhangelwa unina wemveku echolwe enkukumeni

Kapa: Kukhangelwa unina wosana olucholwe kufutshane nendawo yokulahla inkukuma kwingingqi yoo-60 eKuyasa eKhayelitsha.

Othethela amapolisa aseHarare uKapteni Siyabulela Vukubi uthi, “amapolisa abizwe kwindawo yexhwayelo ngezithuba zecala emva kwentsimbi yesithathu, ngoLwesibini, kufutshane nomfula owohlula oo-60 koo-59, afike kukho imveku esandula kuzalwa ifakwe kwiplastiki emnyama yenkukuma.

Okwangoku akukabikho mntu woyanyaniswa nesisiganeko, kwaye amapolisa aqhuba uphando kwityala lokuqhofa.”

Iingxelo zidiza ukuba le mveku ibonwe ngumntu oshishina ngokuqokelela inkunkuma.

Le mveku iyikwekwana ifunyenwe isajinga inkaba nazo zonke izinto eziphuma xa kubelekwa usana.

Abahlali bathi bakrokrela umntu obezama ukukhupha isisu kwabe kanti sele ingumntwana omdala.