Kukhangelwa unyana ohlabe uyise wakhe kuTsolo

 

Kuvulwe ityala lokutshisa nelokuzama ukubulala ngamapolisa akuTsolo emva kokuba unyana onamashumi amabini ananye (21) eminyaka ethe wahlaba utata wakhe onamashumi asixhenxe anesithoba (79) eminyaka ubudala,  akugqiba watshisa indlu leyo katata wakhe.

 

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa ala mmandla uKapteni Dineo Koena,  oku kwenzeke kwilali yakuMjika kuTsolo ezinzulwini zobusuku ngoLwesithathu.

 

“Kurhaneleka ukuba  utata kwakunye nonyana baye banokungavisisani,  apho unyana uye wangena kutata wakhe ngemela emhlaba akugqiba watshisa indlu leyo kayise, waze wabaleka uyokungena kwihlathi elikufutshane.”

 

UKoena uthi ixhoba lithathwe labalekiselwa kwisibhedlele esikufutshane apho akwimeko ezinzileyo. 


Ityala lokutshisa nelokuzama ukubulala livuliwe.  Amapolisa abongoza kumntu onokuthi abenolwazi ngomrhanelwa eze ngaphambili kumapolisa akufutshane.