Kukhanyiselwe ikamva lelizwe

KUKHANYISWE amakhandlela eScenery Park eMonti njengomfuziselo wokuba kuyakhanya kweli lizwe ngenxa yomgaqo-siseko weli ogqiba iminyaka engamashumi amabini wasekwayo.

Lo mgaqo-siseko wasekwa ngomhla wesibhozo kuCanzibe ka1996 kweli loMzantsi Afrika. Uluntu luthontelene kwityalike iNational Baptist Church ukuya kubhiyozela lo mgaqo siseko kumsitho obuququzelelwe lisebe lezemidlalo, ubugcisa kwakunye nenkcubeko likunye neemvaba ngeemvaba zeli loMzantsi Afrika.

“Sizokucela iinkonzo ekubeni zincedisane norhulumente kukhuselwe eli lizwe kuliwe nathi kwiingxaki ezombethe eli lizwe loMzantsi Afrika. Sifuna intsebenziswano phakathi kukarhulumente kwakunye neenkonzo, kwaye sinethemba elikhulu ukuba kwakulunga kuba iinkonzo zinendima enkulu eziyidlalayo.

izokunikezela umgaqo siseko kwinkonzo nganye. INkonzo nganye izakuba neFlegi,” utshilo uMajodina. Ukanti kuye kwakho nethuba lokukhanyiswa kwekhandlela apho umphathiswa athi oko injongo kukuba neli lizwe malikhanye kuzokohlukwana nokwenziwa izinto ezingasi ndawo ezifana nokutshiswa kwezikolo, esithi ukutsha kwesikolo akuzubuyisa mpendulo koko kwakushiyeka kusokola abantwana.

Kumthandazo ubusenziwa ngabefundisi bacele kophezulu ukukhuseleka kwenkululeko eyafumaneka kweli lizwe nzima becelela isizwe esithobekileyo besithi abantu abalwela eli lizwe banikeza ngobomi babo, bakwacelele iinkokheli zelizwe kwakunye nemibutho besithi makukhule uxolo kukhule ubunye.

Kukwayalezwe oomama nolutsha njengoko ibiyimini yabo izolo, kwakhalelwa nokusetyeniswa gwenxa kweziyobisi.

Usihlalo weetyalike zeli phondo leMpuma Koloni uPumezo Jaxa uthe babone kufanelekile ukuba emveni kwale minyaka ingamashumi amabini eli labanomgaqo siseko kubulelwe kophezulu neyiyokubuyisela isidima seli lizwe esayifumana ngemvana nangegazi. Uthe beyicawe kuninzi abakudlalayo nekusafuneka bekwenzile, esithi beziinkonzo banoxanduva lokufundisa uluntu ngokuthanda ilizwe, esithi uluntu malungasombululi into ngokulwa maluthethe, esithi mazigcinwe kakuhle izinto ezathi zalwela zenkululeko.

Olwela umakulingwane ngokwesini (Gender Equality) uNomasisi Bata womeleze amanina kwakunye nolutsha olujongene nemicelimngeni yemihla nezolo esithi:

“Amanina asisiseko seli lizwe angumqolo weli lizwe loMzantsi Afrika, akukho nanye eyokuze imiliseleke into inina lingekho. Kodwa kunjalo ndiyayazi imiceli mngeni abajongene nayo eyokudlwengulwa kwanokubulawa kwabo kalusizi, ukuxhatshazwa, ukungaxhamli apho bafanele baxhamle khona kubaphelisela ngethemba, sifuna bavuseleleke,” utshilo uBata.