Usochwepheshe kwezomdiliya omfaxangiweyo uMichael Fridjhon onamava angaphaya kwamashumi amahlanu ebhala ekwasebenza ngomdiliya, ubona kuyinto ebaluleke kakhulu ukwazisa uluntu ngokubaluleka kwezoshishino lwewayini kunye negalelo layo kwintlalo yoluntu.
“Liyathembisa kakhulu eli phulo lokwenza iFNB Eastern Cape Wine Show. Inani labantu abaze kule Wine Show yethu kulo nyaka liyile pha kwiwaka elinamakhulu amabini (1200) labantu, ngelixa kunyaka odlulileyo ibingamakhulu asibhozo (800),” utshilo uFridjhon okwanguye noququzelela umyhadala womdiliya omfaxangiweyo obuseHemingways, eMonti, ekupheleni kweyoKwindla.
“Ayenelanga ukuvisa kamnandi umzimba kuphela iwayini edidiyelwa kweli. Ilulutho kakhulu kwintlalo yoluntu, ngonyaka imveliso yewayini ichitha izigidi ezingama-38 zeerandi kwiiprojekthi ezahlukeneyo ezingama-232 eziquka:
* Abahlali basezifama abayi 980
* Ukukhulisa abantwana, namakhaya agcina abantwana ayi-886
* Iikhritshi, nabantu abagcina abantwana abayi-62
* Ngo-2015 kuxhamle abadidiyeli abayi-45000
* Kuncedwa abantu abayi-369 abanengxaki yokusebenzisa iziyobisi
* Zingama-44 iiprojekthi zokudidiyela iwayini zabantu abamnyama ezixhasiweyo.
Iyavela neyokuba apha eMpuma Koloni kukho ifama enye kuphela evelisa umdiliya omfaxangiweyo, iseWhittlesea.
Kukho nophando olusaqalwayo kwisixeko saseQonce nalapho kuzanywa ukukhangela umhlaba wokuvelisa umdiliya.
UFridjhon uyiphikisa ngelithi ngamampunge elithi ubomi bomntu osela umdiliya omfaxangiweyo busesichengeni sokuhlaselwa zizigulo neengozi.
“Ndikhuthaza ukuba umntu asele ngokuzilinganisela, utywala busemthethweni, kwaye uphando luthi abantu abasela utywala baphila ubomi obude kunabantu abangabuseliyo,” utshilo uFridjhon.
Izimvo zabafundi ngokuyalwa komtshakazi