‘Kukho isandla sesithathu kumbandela waseBhayi’

Iingxaki zeANC eNelson Mandela Bay azinanto yakwenza nokusiwa kweenkonzo eluntwini koko ziphenjelelwa sisandla sesithathu ngokokutsho kukanobhala weANC eMpuma Koloni uOscar Mabuyane.

“Sisazifuna nathi ukuba kwenzeke ntoni na le ibangela ukuba le mibutho (yezopolitiko) ifune ukuzitsalela kwiNelson Mandela Bay. Ngokokwethu umasipala ombaxa waseNelson Mandela Bay ngowona masipala ufumana iinkonzo ukodlula bonke oomasipala abakhoyo kwiphondo leMpuma Koloni,” utshilo uMabuyane ngethuba ethetha kudliwano-ndlebe nephepha-ndaba I’solezwe.

“Ingxaki ekhoyo eNelson Mandela Bay, kukho amahlakani eANC angaboni ngasonye nto leyo ethi idodobalise ubumbano leANC.

“Kusa funeka sisebenze nzima eNelson Mandela Bay, khon’ ukuze sihluze ubuxoki kwinyaniso. Kule ndawo andiyithandabuzi eyokuba sikhona isandla sesithathu eNelson Mandela Bay,” kutsho uMabuyane.

Uthi noxa zikho izikhalazo “ezinobunyani” ezivela kuluntu lwalo masipala, kodwa bakholelwa ukuba bakho abantu abanjongo zabo ikukudunga-dunga uxolo eNelson Mandela Bay.

“Ewe zingakho izikhalazo malunga neenkonzo ezinobunyani ezivela kubantu baseNelson Mandela Bay, kodwa xa thina siqwalasela sifumanisa ukuba le ndawo yeyona efumana kakhulu ngokwenkonzo zikarhulumente,” kutsho uMabuyane.

Ezona ngxaki zikhalazelwa ngabahlali baseNelson Mandela Bay lulwaphulo-mthetho ubukhulu becala. “Mawusitshulwe neengcambu umlo woonqevu kumantla aseBhayi (Northern Areas), futhi kupheliswe nyaa ukuthengiswa kweziyobisi kwiindawo esihlala kuzo,” kutsho uStanton James.

UStella Mini yena uthi: “Siyafa ziintlawulo zeenkonzo eziphezulu zikamasipala eNelson Mandela Bay. Sinengxaki yokuxhwitshilelwa iibhegi zethu xa sisiya emisebenzi ekuseni, sicela amapolisa ale ndawo asincedise ajonge iindawo ezifana neCentral ingakumbi ekuseni.”

Logama uMzwamadoda Veto ekwabalula umbandela wezoyobisi. “Sinengxaki yokuthengiswa kweziyobisi. Le ngxaki isixakile futhi namapolisa ohlulekile ukuyilwa. Sicela urhulumente kazwelonke angenelele. Sikwafuna izindlu ezisemgangathweni, hayi la mabobosi sihlala kuwo. Abantwana bethu mabaxhamle kwimfundo esemgangathweni, futhi kubekho imisebenzi esisigxina hayi eyethutyana,” kutsho uVeto.

Ngenyanga yoMqungu nyakenye, iANC yachitha isikhokelo seANC eNelson Mandela Bay emva koko yamilisela iqoqo lamalungu angamashumi amathathu ananye elalikhokelwa ligqala leANC uCharles Nqakula ukuba liungise iintlaba-zahlukane kwiANC namahlakani ayo kula ngingqi. Omnye umsebenzi weli qoqo yayikukujonga umbandela wokusiwa kweenkonzo zoluntu kulo masipala.

Ngenyanga yoMqungu kulo nyanga, uNqakula wasishiya isikhundla sakhe sokukhokela eliqoqo, endaweni yakhe kwangena uVuyani Limba.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za