Kukho ithemba leholide ukuba AmaBhokobhoko aphumelela iNdebe yeHlabathi

Isithethi sikaMongameli, uVincent Magwenya, sithi ukubhengezwa kosuku lwangeCawe njengeholide ukuba AmaBhokobhoko aphumelele, kusephantsi kwengqwalasela ye-Ofisi enkulu.

UMagwenya ebephendula umbuzo wentatheli ngethuba esenza ingcaciso ngenkqubo kaMongameli yeveki neveki izolo ngoLwesine.

UMongameli uCyril Ramaphosa wathembisa ngelithi abantu baseMzantsi Afrika baza kufumana iholide ukuba AmaBhokobhoko ayaphumelela ngethuba ethetha kwingqungquthela yeGreen Hydrogen Summit ebibanjelwe eKapa kwiiveki ezidlulileyo.

“Siza kuqwalasela umnqweno yeholide ukuba AmaBhokobhoko akwazile ukuphumelela umdlalo wokugqibela,” utshilo uRamaphosa eqhula.

Abantu bayithathela phezulu lo nto, bebongoza uMongameli ukuba azalisekise isithembiso sakhe xa kuthe kwaphumelela AmaBhokobhoko. Oku kuye kwaba ngumxholo wengxoxo kumakhasi onxibelelwano.

UMagwenya uthi abemi boMzantsi Afrika kwihlabathi jikelele bebethumelela uMongameli Ramaphosa imiyalezo, bebuza ukuba uya kusigcina na isithembiso sakhe.

“UMongameli ufumene imiyalezo emininzi ngalo mba. Abemi boMzantsi Afrika abavela kuzo zonke iinkalo zobomi baye bambhalela. Uthe kum kufuneka ndidlulise umyalezo othi uyasiqwalasela esi sicelo,” utshilo uMagwenya.

AmaBhokobhoko aza kungquzulana neNew Zealand emdlalweni wamagqibela kankqoyi weNdebe yeHlabathi yoMbhoxo ka2023 ngomso, ngoMgqibelo umhla wama28 kweyeDwarha.

UMongameli uRamaphosa kulindeleke ukuba abe phakathi kwenginginya exhasa amakhwenkwe kaJacques Nienaber eStade de France Stadium, eParis, enethemba lokuphakamisa indebe kwakhona.