Kukho owasetyhini kwababanjelwe ukubulala eNgqushwa!

Avele kwiNkundla kaMantyi waseNgqushwa ngoLwesibini amadoda amathathu kwakunye nomnye wasetyhini, abaphakathi kwamashumi amabini kwakunye namashumi amahlanu anesixhenxe eminyaka ubudala aboyanyaniswa netyala lokugebenga amakhosikazi amabini, uBoniswa Toba, 74, kwakunye nomolokazana wakhe uCingiswa Caroline Toba, 37.

Aba babanjwe eNew Brighton eBhayi ngoLwesihlanu kwiveki ephelileyo. Esi sibini sabhaqwa sele sibhubhile kwikhaya laso elikwilali yaseCeletyuma eNgqushwa.

Ngokwengxelo ephuma kuColonel Priscilla Naidu, amaxhoba abhaqwa yindoda engumakhelwane neyolusa iimpahla zakwaToba. Ithi yabagqibela ngorhatya iyokuvalela impahla abe amaxhoba encokola namadoda amabini eyayingathi ngabantu abafuna ukuthenga iigusha.

Kusasa ngeCawa umhla weshumi elinesibini kule nyanga, wavulela impahla waqaphela ukuba akukavulwa kwindlu abalala kuyo kwaye abaphithizeli njengesiqhelo naphandle.

Umelusi waya kunkqonkqoza akavulelwa zabe iifowuni zamaxhoba zikhala ngaphakathi zingade zibanjwe. Wakhaba ucango, xa efika ngaphakathi umakoti noninazala sele babhubhayo.

Amaxhoba afunyanwa enamanxeba okuhlatywa kumzimba ongentla. Ngethuba abecuphi baseNgqushwa bephanda ngeli tyala beva ukuba ikhona imoto eluhlobo lweAudi A3 eyayikrokreleka kwaye ingaqhelekanga izula kula lali.

Abecuphi balandelele lo mkhondo nophele ubakhomba eBhayi apho babambe khona abarhanelwa ngokokohlukana kumakhaya abo kwilokishi yaseNew Brighton.

Aba babanjwe ngoLwesihlanu kwiveki ephelileyo umhla wamashumi amabini anesine. UMkomishinala wephondo uNjengele Liziwe Ntshinga uqhwabele izandla iqela eliphanda ngeli tyala ngomsebnzi omhle.

“Esi sisilumkiso kwizaphulimthetho ezicinga ukuba zingakwazi zona uyibalekela ingalo yomthetho. Sinamapolisa anamava nazinikeleyo kumsebenzi wawo kweli phondo. Ukubulawa kwamanina angakwazi nokuzilwela asizokunyamezela. Siza kuqinisekisa ukuba abenzi bobubi bayabanjwa kwaye babhalwa ezincwadini,” utshilo uNtshinga.

abongile.ginya@inl.co.za