Kukhona kusithi qwenge

Ukuba sisilima kufudula kungamkelwa luluntu, bekubonwa njengehlazo nkqu naziintsapho zalowo unokugogeka ngokwelungu kungenjalo amalungu omzimba.

Ngokungathi ubani uzicelele ukugogeka, abantu bebemcekisa ngathi asingomntu. Asikuko nokuba abantu bebengaqondi ukuba le meko akukho bani ozicelelayo koko yindalo edale olu hlobo.

Noko ke bakho abazifumana benobulima bumini, ngendisithi inokuvakala into yabantu abangayamkeliyo le meko koko ndixakwa kukuba akukho nto iyindalo yakha yathandwa gqibi ngumntu wonke.

Ke ithini imeko yenkxwaleko ukuba ithakazelelwe. Ewe ililishwa wena into yokuba nesiphako sobulima nokugogeka okudalwe yingozi bumini, yiyo kanye le nto amaXhosa asuke aheshe ebhebhetha ingozi leyo.

Lichiza elisebenzayo kaloku ukuthetha neminyanya kusakubakho okungahambi ngandlela. Ke oku ingaba kudal’ ucalulo nentiyo kwabo bazifumana bebandezelekile ngokwemeko edalwe yindalo? Ewe mawethu, ndiza nencwadi ethi “Shoooooes!” ibali likaLeonard Gregory.

Le ncwadana ibhalwe lusiba lwetshantliziyo uPeter Rule. Yincwadana le eyapapashwa ngabakwaNew Readers Publishers, phantsi kweziko lemfundo yabadala kwiYunivesithi yaKwaZulu-Natal phaya ngomnyaka ka1998.

Apha umbhali usibalisela ngebali lelishwa elahlela uGregory, ukuthi umfana ezinikele kumdlalo webhola ekhatywayo azibone exuthwe iinyawo. Ungafane uthini inguwe?

Usizi lwento ukuthathelwa isonka yingozi ephantse yabuthatha kwaobo bomi unabo. Tsii! Ithamsanqa yinto ekhoyo kodwa!

Athi esakuthetha ngethamsanqa umntu sakugqiba ukwehlelwa lilishwa, abuze omnye ukuba likho phi na xa uzibona sewuswele amalungu omzimba ngenxa yengozi.

Akanyanisanga na kanene? Silikhomba phi na ithamsanqa? Mhlawumbi sisoloko siyibona njengento efanele ukwenzeka ingozi?

Mhlawumbi ngokwenjenje kukuvuma ukwamkela ingozi, kube mhlawumbi eso sisizathu sokwanda kweengozi. Kodwa ke kunjalo, ukushiyeka usenobomi phantsi kwazo naziphi na iimeko yinto enkulu leyo.

Makuthiweni ke xa usuke wafa, ezo ngcebiso ubunokubuya usiqhekezele kuzo siya kuzicholaphi ungekho? Akungcono ngenene ukuba ubani ashiyeke esaphefumla ethetha kunokusuka sibalise ukuba kwakhe kwakho umntu ekwakusithiwa ngubani.

Khangela ke owabuya wakwenza yena uGregory emva kokulimala kwingozi yemoto. Andithi waye wangumqeqeshi webhola ekhatywayo, washenxa kwesiya sikhundla sakhe sokuba ngumdlali koko wangumqeqeshi.

Tyhini! Aniboni ke ukuba ngenene ubukho bakhe buselulutho. Kungenxa yokukhula kwentshisakalo yakhe eyenza wabona kufanelekile ukuba avelele inkalo awayengayisele’ so, ukukhathalela abaneziphako zokugogeka.

Tyhini, uyazi ukuba uye watyhilekelwa yimbandezeleko ekhoyo kubantu abanobulima! Singatsho na ukuba lithamsanqa lelishwa okwenze kwalolu hlobo kule ndedeba? Ewe, kufanele sibe sicacelwe kukubaluleka kwabantu abaxhwaleke ngokweziphako zomzimba.

Mandivume, umgama esiwuhambileyo ukuza kufikelela apha mde kakhulu. Ngathi bekungekho yizolo apho besingafuni nokubaqesha oku abantu abanobulima.

Ngokungathi ingqondo yomntu obandezeleke ngokwemilenze nayo igogekile, umntu kungacingeleki ukuba angakwazi ukuthetha okuzinzileyo. Sithini ke ukungalincomi igalelo likarhulumente kule nkalo.

Ewe, usebenzile rhulumente ngokugunyazisa imithetho encedisana nale meko. Kowu, kuthe qwenge noko xa kungoku. Ndimkile!