Kukhuliswa uqoqosho lweelokishi

Uqoqosho lweelokishi zaseNelson Mandela Bay kulindeleke ukuba luphucuke emva kokuba abalungisi beemoto abakwikhulu elinesithandathu (106) bethe bangena phantsi kwenkqubo yokuphucula izakhono zabo zokulungisa iimoto (Informal Automotive Service Centres Development Programme).

Le nkqubo, nelivela-tanci lequmrhu lophuhliso laseTinarha naseDespatch iUitenhage Despatch Development Initiative (UDDI) ibambisene nenkampani iFilpro enjongo ikukuxhobisa ngezakhono abo bakwicandelo lezemoto, kulindeleke ukuba ithathe iminyaka emibini.

Iqela loomakhenikhi abakushishino lokulungisa nokutshintsha amavili eemoto, kwanabo bavusa iimoto ezitshayisiweyo kwindawo yaKwaNobuhle, Khayamnandi naKwaLanga eTinarha ngabo abazakuqala baxhamle kule nkqubo.

Le nkqubo – ekwaqhuba kumaphondo afana neRhawuti, KwaZulu-Natal, eFree State, eMntla Koloni, eNtshona Koloni, eMpumalanga naseMntla-Ntshona – iquka uqeqesho ngokwezifundo ezibhaliweyo kwanoqeqesho ngokomsebenzi wezandla.

UMduduzi Mahlalela, umnxulumanisi ophezulu weeprojekthi kwaFilpro, uthe: “Ukuziswa kwale nkqubo eNelson Mandela Bay yindlela yokutyala izakhono nanjengoko ishishini leemoto kwiilokishi zaseNelson Mandela Bay lisebenzisa ezinye zezixhobo ezenziwe ziinkampani esisebenzisana nazo ezifana ne-GUD Holdings kwane-NGK Spark Plugs.” Umnini weshishini lokulungisa iimoto KwaNobuhle (iKwano Auto Repairs) uSipho Mkayo (29) uthi uyavuya ukuba yinxalenye neli phulo.

UMkayo uthi nangona nje engenaziqinisekiso zemfundo kumsebenzi wakhe, unamava akwiminyaka elishumi elinesine elungisa iimoto.

Ngo2013, uMkayo wagqiba kwelokusungula ishishini lakhe yaye namhlanje unabasebenzi abasibhozo.

“Ukufumana elithuba, kuthetha ukuba mna nabasebenzi bam sizakuzuza izakhono eziphangaleleyo kweli shishini,” kutsho uMkayo.

Ingqonyela yakwaUDDI uPatricia Dlamini uthi intsebenziswano yabo kwakunye neFilpro isekezelwe kumbono wabo wokubona uqoqosho lweelokishi lukhula futhi ludale namathuba engqesho.

abongile.ginya@inl.co.za