Kukhunjulwa amajoni amnyama emfazwe yokuqala yehlabathi

Ligalelekile igqiza lomkhosi weli loMzantsi Afrika eParis eFransi likhokelwe ngumphathiswa wela sebe uNosiviwe Masipa-Nqakula ngeliya kutyhila ilitye elinika imbeko koonyana belilizwe abahubhela eFransi kwimfazwe yokuqala yehlabathi.

Eli litye lithwele amagama amadoda angaphezu kwamawaka amathandathu athi abulawa kwidabi laseSomme kunye nelo lase-Delville Wood.

Eli qela lala madoda laliquka amadoda amnyama kunye namadoda ebala awayesetyenziswa ukuthwala imithwalo enzima, ukugrumba imingxunya neminye imisebenzi ababengayiqeqeshelwanga. Abanyana besizwe abazanga bafumana nenye imbasa ngentatho nxaxheba yabo kule mfazwe nanjengoko amanye amajoni ayefumana imbasa ngomsebenzi wawo kwiimfazwe ezilolu hlobo.

Ingxelo yela sebe ithi umongameli uJacob Zuma nguye kanye ozakuba etyhila eli litye ngomso eFransi.

Othethe egameni lesebe lamagqala omkhosi kweli uNjengele Zwelibanzi Maake uthi bayazidla ngomsebenzi owenziwa ngala madoda. “Silisebe lamagqala omkhosi sithumele amadoda angamashumi amabini ukuba abeyinxalenye yokutyhilwa kweli litye ngokwenza njalo sinika imbeko kubo,” utshilo uMaake.

Lo kaMaake uthi eli litye lijoliswe kuphela kuloo madoda athatha inxaxheba kwidabi laseDelville Wood naseSomme kuphela. “Amajoni abhubha kwi-SSMendi wona uzakukhunjulwa kunyaka ozayo kwakweliya laseFransi kuba osinga bamangcwaba abo benziwa kweliya laseFransi.

La madoda asebenza phantsi kweemeko ezinzima kakhulu kweliya laseFransi ngenxa yokuba abazange banikwe qeqesho luhambelana nomsebenzi ababewenza, itshilo ingxelo.

Inkumanda kumkhosi waseFransi uShaun Booth uthi uninzi lala majoni abhubha ehlangula imizimba yamajoni amhlophe ayenzakele kuloo mfazwe.

“Intlungu kukuba la maxhoba awazange afumane ngqwalasela ngomsebenzi wawo kuyo yonke le mfazwe,” uthethe watsho uBooth.

Le mfazwe yaqhubeka ukusuka ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kwinyanga yeKhala ngo1914 ukuya kumhla weshumi elinanye kwinyanga kaNovemba ngo1918.

Urhulumente welo xesha wanyanzelisa ukuba amadoda amnyama athathe inxaxheba kuloo mfazwe kuncedisa iBritane.