Kukhunjulwa amaxhoba entlekele yaseBawa

 

Kuza kukhunjulwa amaxhoba entlekele yaseBawa eGcuwa, nalapho abantu abalishumi babhubha ngokumka namanzi ngethuba ibhaki ababekhwele kuyo yathi yoyiswa ngumsinga isiya kutshona emlanjeni.

 

La maxhoba aphulukana nobomi ngonyaka ka-1993 emva kokuba ibhaki ababehamba ngayo yathi yagaxeleka kulo mlambo waseBawa nowawusaziwa ngokuginya abantu. 


Umphathiswa wesebe lemisebenzi yoluntu uNathi Nhleko, uzakube etyhila ngokusesikweni ilitye lesikhumbuzo egameni lala maxhoba phezu kwalo mlambo ngeCawa umhla weshumi elinesine. 


Ngexesha lokwenzeka kwale ntlekele kwakungekho zibhulorho zokuwelisa abantu kule ngingqi ephezu komlambo iBawa.

 

Isiganeko sokubhubha kwaba bantu sabangela ukuba urhulumente aqalise iphulo lokwakha ibhulorho, elo phulo likhokelwe lisebe lemisebenzi yoluntu kunye nesebe lomkhosi weli. 


Umphathiswa kukwalindeleke ukuba athethe neentsapho zamaxhoba athi abhubha kule ntlekele kwanoluntu ngokubanzi. 

Amasebe ohlukeneyo kurhulumente weli sele akhe ibhulorho ngokusebenzisa amajoni omkhosi welizwe loMzantsi Afrika. 


La ngingqi yaseBawa idume ngengxangxasi zalo mlambo ezinomtsalane kubakhenkethi beli nabasuka ngaphandle koMzantsi Afrika.

 

Iinjineli zomkhosi weli sele zakhe ibhulorho ezinjengale yaseBawa kwidolophu ezifana neCofimvaba, kwaBhaca, Mount Allyiff naseSajonisi. Ingxelo ithi ezi njineli zize nohlobo olutsha lwebhulorho ezahlukeneyo kwezo zazakhiwe emva kwemfazwe yesibini yehlabathi, itsho ingxelo.