Kukhunjulwa iiKumkani eKapa

Sekhukhune

Umkhosi wokhuseleko weli uzakwenza imbali kwiveki ezayo xa uzakube ukhumbula iiKumkani ezintathu zeli ngokutyhila imifanekiso eqingqiweyo egameni lazo.

UKumkani uCetywayo wamaZulu, uLangalibalele wamaHlubi kunye noSekhukhune wamaPedi bazakunikwa le mbeko ngumkhosi weli kwinqaba yembali iCape of Good Hope.

Ingxelo ithi oku kwenziwa njengenxalenye yesikhumbuzo seminyaka engamakhulu amathathu namashumi amahlanu yasekwayo le nqaba yembali.

Ezi Kumkani zavalelwa kule nqaba ngamaxesha ahlukileyo zisilwela ukuhluthwa kwemihlaba nemihlambi yazo yimikhosi yengcinezelo.

Le nqaba ngomnye wemisebenzi yeqela lamaDatshi elathi kamva loyiswa lungonyamelo lamaBritane elawula uMzantsi Afrika.

Inkokeli yesizwe samaKhoi uDoman uphakathi kwabo bazakuthi banikwe imbeko xa kuzakube kukhunjulwa la maqhawe kule nqaba yaseKapa. Umphathiswa wesebe loMkhosi kweli uNosiviwe Mapisa-Nqakula nguye owathi wamisela isikhumbuzo esiqhube unyaka wonke ngelinika imbeko kweli ziko.

Le mibhiyozo kulindeleke ukuba ivalwe ngomhla wethoba kule nyanga yoMnga eKapa.

IKumkani yesizwe samaZulu uGoodwill Zwelithini, Kgoshi Kenneth Sekhukhune wamaPedi, ManziweNkosi Radebe kaLangalibalele wamaHlubi noKalvin Johaness wesizwe samaKhoi bazakuba yinxalenye yalo mcimbi egameni looyisemkhulu.

Kukwalindeleke ukuba kuvulwe ngokusesikweni iziko lokufunda nokuqeqesha lalamaxesha egameni lamakhoboka ayegcinwa kweli ziko engalifumani ithuba lokuya esikolweni.

Umongameli uJacob Zuma kulindeleke ukuba enze intetho ephambili kulo mcimbi egameni lorhulumente welizwe loMzantsi Afrika.

Imifanekiso eqingqiweyo yeziKumkani izakube ivuliwe; ukuze ibonwe luluntu ngokubanzi kuquka nabatyeleli.

Isebe lomkhosi lithi linethemba lokuba oku kuzakunceda ukumanyanisa nokukhumbuza abantu beli ngembali yeeKumkani zakudala.

Othethe egameni lesebe lomkhosi kweli uSiphiwe Dlamini uthi isebe elijongene namagqala omkhosi lizama ukuphuhlisa nokukhulisa amagqala omkhosi.

“Sinika amagqala omkhosi ithuba lokuba afunde banzi ngezinto ezahlukileyo. Ngenxa yokuthatha inxaxheba kwabo kumzabalazo abazange bakwazi ukuya esikolweni. Lilonke ke sibuyisa elo thuba labaphosayo,” uthethe oko uDlamini.