Kukhunjulwa ogetyengwe kwivenkile yokutya!

UTegan ngowesibini ukusuka enxele, kuze uShirley, ibengu Caroline kunye nomama ka-Ivan

UMzukisi Magwashu oneminyaka engama29 ubudala uvele phambi kweNkundla kaMantyi yaseMthatha ngoMvulo nalapho engakhange aziphikise izityholo abekwa zona.

Utyholwa ngetyala lokubulala uIvan Govender, ukuphanga kuxhotyiwe, ukubanomkhono wekati ongekho semthethweni kunye neembumbulu ezingagunyaziswanga.

Ityala liye lamiselwa umhla we4 kweyeNkanga nanjengoko umtshutshisi wombuso elinde ulwazi oluthe kratya kumcuphi ophethe eli tyala. NgokukaBrigadier uThembinkosi Kinana akukaphindi kubanjwe mntu.

NgeCawa, oogxa kunye nabahlobo abasondeleyo kusapho lakwaGovender bebegcwalise iJust Friends Restaurant eMthatha nalapho bekubanjwe khona inkonzo yesikhumbuzo sika-Ivan odutyulwe wabulawa ngumphangi kwindawo yokutyela yaseSpur emva kokuzama ukuhlangula umsebenzi obe khonjwe ngompu ngomnye wabaphangi abathathu abangene kule venkile ngoLwesihlanu ebusuku.

UIvan Govender, oneminyaka engama39 ubudala, uchazwe yintombi yakhe njengendoda ebinothando nenenkathalo ebihlala ivakalelwa sisidingo sokuthatha uxanduva.

“Asizange somelele kuba ubusoloko uqinile egameni lethu,” itshilo intombi yakhe uShirley Govender ngelixa ehambisa umnikelo wokuhlonipha utata wakhe ongasekhoyo.

Uye wabongoza izihlobo ezisondeleyo kunye nosapho ukuba zilandele umzila kayise kwaye zikhathalele usapho.

“Kwiinyanga ezimbini okanye ezine ukusukela ngoku xa ubomi buqhubeka, kuba buye buqhubeke; ncedani nibe khona ebomini bukamama, abantakwethu kunye nam. Ndiyakuthanda tata, uligorha lam,” utshilo umntwana ka-Ivan oyintombi.

Uthe ngoLwesihlanu yena nabahlobo bakhe babenendibano ebekumele ukuba iphele ezinzulwini zobusuku kodwa malunga nentsimbi yesibhozo waqala waziva ediniwe wagqiba kwelokuba agoduke.

“Ndifikile ekhaya ndalala, ngentsimbi yesithoba besele ndilele ngokuba bendidiniwe, umoya wam ubusazi ukuba andiyi kuphinda ndimbone utata phambi kokuba ndiyazi lo nto,” utshilo uShirley xa eshiya iqonga.

Unyana wakhe omkhulu, uTegan Govender, uchaze utata wakhe njengendoda yeshishini enentliziyo yokupha.

Efunda umyalezo kanina, uTegan uthethe ngothando kunye nolonwabo awalunika unina uyise.

“Sithandwa sam, kususela kwimini esadibana ngayo awuzange udinwe ndim, awuzange uphinde ujonge ngasemva. Ndizokuhlala ndikukhumbula, uthando lwethu kwaye abantwana bethu bubungqina balo nto. Ulindele ukuba buqhubeke njani ubom kum?” ufunde egameni likanina osentlungwini uCaroline Govender.

Isithethi kwinkonzo yesikhumbuzo * -Ian Halk ongumhlobo, uchaze iinzame zeli gorha zokuzama ukunceda.

“UIvan ebengenazintloni zokumela abanye. Ngoku ebekwishishini lokubuyisela eluntwini ngokuba ngexesha lokufa kwakhe ebesakha isikolo kwilali yakhe,” utshilo uHalk.

U-Ivan Govender wayengusomashishini oveleleyo owazalwa ngo1970 ePort Shepstone KwaZulu-Natal, apho wemka eneminyaka eli19 ubudala efuna amadlelo aluhlaza.

Uhleli eMthatha kwaye wasebenza kwivenkile yeemoto apho wadibana noCaroline oneminyaka eli19 ubudala, owathi kamva waba ngumfazi wakhe nonina kubantwana bakhe abane. Ababini koonyana bakhe abancinci ngamawele athe ahluthwa ilungelo lokukhula phambi kukayise.

Imizamo yokufikelela kwindawo yokutyela yaseSpur ayiphumelelanga njengoko balile ukuphawula besikhomba kwiofisi eyintloko. Imbalelwano ithunyelwe kwikomkhulu eKapa kodwa akukho mpendulo sele siyifumene.

isibhalo@inl.co.za