Amagqala eembaleki zemigama emide, uXolile Yawa no-Ezekiel Sepeng bazakuthatha inxaxheba kumdyarho waminyaka le oqhutywa ngumasipala wesithili saseChris Hani ngelikhumbula ubomi bukaThembisile Chris Hani.
Lo mdyarho wemigama emide uzakusuka kuSabalele usinge kuZigudu eCofimvaba, uphawula umgama ubuhanjwa nguHani xa esiya naxa evela esikolweni ngexesha lokufunda kwakhe. Othethe egameni lalo masipala uThobeka Mqamelo uthi, lo mdyarho awunazinguqu zingakho kulo nyaka.
“Sinomgama wamashumi amabini anesihlanu eekilomitha, ezilishumi nezintlanu, kwaye onke amalungiselelo sele ehambele phambili kakhulu,”ucacise watsho uMqamelo.
Lo mdyarho uqale ukubakho ngonyaka ka 2013 ungenelela kuluhlu leziganeko ezihle ezikhumbula uHani.
Inyanga kaTshazimpuzi yamiselwa ngumasipala wesithili saseChris Hani njengenyanga yokukhumbula ubomi buka- Chris Hani nanjengoko ezalelwe kulo masipala uHani.
“Asinazinguqu zingako kulo mdyarho kulo nyaka, silindele ukuba usodolophu uXolile Koyo athethe nabahlali baseChris Hani abazakuba beyinxalenye,”uthethe watsho uMqamelo.
UXolile Yawa nokwayinzalelwane yase- Malahleni uzakube efundisa iimbaleki eziqalayo ekunye negqala leembaleki yemigama emide uEzekiel Sepeng. “Ezi mbaleki zizakube zifundiswa ngezinto ezahlukeneyo eziquka ukukhula kwabo ekubalekeni imigama emide, indlela yokuziphatha nokukhathalela impilo yeembaleki,”uthethe watsho uMqamelo.
Lo masipala waseChris Hani uneziza ezililifa eziliqela eziquka intaba yaseThree Crowns, Bullhoek eNtabelanga nezinye. Ingcwaba likaKumkani uNgubengcuka wabaThembu, elikaWalter Sisulu no-Alfred Bitini Xuma, aphakathi kwamaziko azakutyhilwa ungaphelanga lo nyaka ka2016.
Le nkqubo yokukhumbula uHani ihambelana nenyanga yokubulawa kwakhe ngomhla weshumi kuTshazimpuzi ngonyaka ka 199. Kwizinto ezintsha ezikhoyo kulo nyaka kule nkqubo kufakelwe umnyhadala womngqungqo womculo wejezi.
“Ngomhla wamashumi amathathu kule nyanga sizakuvala le nyanga ngomnyhadala womculo wejezi ozakuqhutyelwa kwidolophu yaseKomani,” uthethe watsho uMqamelo.
IKomani liziko elinembali ecacileyo xa kuthethwa ngomculo wejezi kweli loMzantsi Afrika.
IZIMVO | Ngumbutho waseKZN iMK Party