Kukhunjulwa uKarabo Mokoena

Karabo Mokoena Umfanekiso: Twitter

RHAWUTINI- Inkonzo yokukhumbula uKarabo Mokoena izakubanjwa namhlanje eDiepkloof Hall eSoweto.

Le nkonzo iyaqala ngentsimbi yesibini emva kwemini.
Umzimba otshileyo kaMokoena wafunyanwa eLyndhurst, eRhawutini, kusuku nje emva kokuxelwa njengolahlekileyo kwinyanga ephelileyo.
Iziphumo zovavanyo lofuzo [DNA] zingqinile ukuba ngokwenene ezo ntsalela zezakhe.
Ochazwa njengombuleleyo, isinqandamathe sakhe uSandile Mantsoe ujamelene netyala lokubulala nelokuphazamisana nengalo yomthetho. Uvela enkundleni ngomhla we-24 kuCanzibe 2017.
UMokeona uzakungcwatyelwa kumadlaka aseWest Park ngoLwesihlanu.