Kukhunjulwa uKumkani Sarhili kuCofimvaba

KUMKANI SARHILI

Ukutyelelwa kwesisiziba apho inamba kaKumkani Sarhili yayisela khona kufuphi nelali iHoyita kuCofimvaba, ukuya kwimibhalo yasemandulo akumatye ale ndawo kwanokuya kwimiqolomba apho le kumkani yayixhwarha khona.

Le yindlela azakukhunjulwa ngayo uKumkani Sarhili wamaXhosa.

Le kumkani izelwe kunyaka ka1810 ze yaqala ukuxhuzula imikhala yokukhokela amaXhosa ngo1835 emva kokubhubha kukaKumkani Hintsa.

Yena uKumkani Sarhili ubhubhe ngo1892, apho washiya uKumkani Sigcawu.

Umsitho wokubhiyozela le kumkani uqala namhlanje eHoyita apho, ngokokutsho kukaNkosazana Sheila Sigcawu wasebukhosini bakwaXhosa, kuzakube kutshila kuyo iKumkani yamaXhosa ekhoyo sithetha nje uMpendulo Zwelonke Sigcawu ebambisene nomasipala weNtsika Yethu.

Kulo msitho kukwamenywe nezithethi ezifana noMphathiswa wokuhlaliswa koluntu uLindiwe Sisulu kwakunye noNjingalwazi Somadoda Fikeni. USisulu noFikeni bazakuthetha kumsitho ohlelelwe ukuba uqhubele kwiziko iChris Hani kuSabalele kuCofimvaba apho wazalelwa khona lowo wayesakuba yinkokeli yamaKomanisi uChris Hani.

Kukwakho nombono wokuba iHoyita ifanele ukujikwa ibeyindawo yelifa leli lizwe egunyazisiweyo.