Kukhunjulwa uMachel eMbuzini

Samora Machel

Urhulumente welo Mzantsi Afrika uzakumbambisana nowelizwe laseMozambique baqhube isikhumbuzo seminyaka engamashumi amathathu wabhubhayo uSamora Machel owayengumongameli wokuqala eMozambique.

Isikhumbuzo sikaMachel sikhokelwa lisebe lenkcubeko namasiko kweli loMzantsi Afrika ngenjongo zokunika imbeko kweli gqala lomzabalazo lakwaMachel.

Lo kaMachel waba ngumongameli wokuqala wela lizwe emva kokufumana inkululeko kwilizwe lasePortugal ngonyaka ka1975.

UMachel wabhubhela eMbuzini eMpumalanga kufutshane nomda waseLebombo ngo-1986 ngethuba inqwelomoya yakhe yathi yakhalala isibhakabhaka isiya kuhlaba ngencuma ematyeni kwezontaba.

Kulo ntlekele wabhubha namagosa karhulumente waseMozambique angamashumi amathathu anesibini kwaza kwasinda asibhozo kulomagosa.

Ingxelo ithi uMachel wayesendleleni ebuya kwindibano yenkokheli zamazwe aseAfrika. Umbutho wakhe iFrelimo wawunobuhlobo obushushu neANC ngalo maxesha omzabalazo.

Umphathiswa wesebe lenkcubeko kweli uNathi Mthethwa uthethe namajelo endaba ebongoza abantu boMzantsi Afrika nabase Mozambique ukuba babambene bekhumbula elidelakufa.

Iziko lokugcina imbali iSamora Machel Musuem eMbuzini, uMasipala waseNkomazi kwakunye norhulumente wephondo lase Mpumalanga.

“Umsebenzi wethu silisebe kukugcina imbali yethu nokukhusela izinto ezililifa ngenjongo zokumanyanisa abantu baseAfrika,” utshilo uMthethwa.

Uthi uMzantsi Afrika uyayihlonipha inkxaso nendima eyadlwa ngamazwe afana neMozambique ingakumbi ngexesha lomzabalazo.

“Abemi boMzantsi Afrika, nabaseMozambique kumele ukuba bafunde kwintsebenziswano yeenkokheli zethu ngamaxesha engcinezelo ukuze bakhangele indlela zokumanyana kulamaxesha ethu,” utsho uMthethwa.

Ngonyaka ka1999 umongameli weli uNelson Mandela watyhila ilitye lesikhumbuzo egameni likaMachel eMbuzini eMpumalanga ngelinika imbeko kuMachel.

Kukho ubuhlobo obuqinileyo bozakuzelwano phakathi koMzantsi Afrika neMozambique.

Ukanti ukubhubha kukaMachel kwabangela ukutyholana phakathi korhulumente wobandlululo kunye nemibutho eyayisilwela inkululeko kulo minyaka.

Umxholo wokukhumbula uMachel kulo nyaka kukukhumbula indima athe wayidlala ukuphucula impilo nentlalo yabantu abakuMazantsi eAfrika.

Umhlolokazi kaMachel uGraca waphinda wazimanya ngeqhina lomtshato noMandela de wasutywa kukufa uMandela.