Kukhunjulwa uMandela nesisa sakhe

Nangalo nyaka, kumakhaya ngamakhaya nakwiindawo ngeendawo ehlabathi jikelele, sikhumbula iqhawe lethu sonke uNelson Rholihlahla Mandela owakhokelela abantu boMzantsi Afrika enkululekweni nokuhlonitshwa kwamalungelo ethu sonke.

Usuku lukaMandela – elagunyaziswa Zizizwe Ezimanyeneyo njengomalubhiyozelwe minyaka yonke kwihlabathi jikelele , lufika mna noogxa bam sithe bhazalala kwiindawo ezinabantu abahlala ematyotyombeni siqhuba uphando-nzulu oluququzelelwa ngabe Human Sciences Research Council kunye neSebe Lezentlalo Yoluntu. Lubandakanya iintsapho ezikumatyotyombe angamawaka amahlanu kwizwe lonke, kuquka eli phondo leseMpuma Koloni. Iinjongo kukuzoba umfanekiso ocacileyo malunga nemo yentlalo yabantu abasematyotyombeni, ingakumbi kwiindawo ezibhaliselwe ukuphuhliswa ngurhulumente ngokuthi kwakhiwe izindlu zeRDP, kuphuculwe izibonelelo ngamanzi, umbane, iindlela, ukugutyulwa kwelindle, kunye nokuvulelwa kwamathuba emisebenzi eyamkelisa imali abangaziphilisa ngayo abantu.

Usuku lukaMandela lusifikela noogxa bam sesinyathele kwiindawo ezifana ne-Amalinda, eZiphunzana, Mdantsane, Hankey, Despatch, Tinarha, New Brighton. Ukanti sisaya naseMthatha, eCala, Aliwal North, nakwezinye iziphaluka.

Kaloku sikhumbula okokuba uMandela ebebaxabise kakhulu abantwana njengeendlalifa zeli lizwe, esenza konke okusemandleni okuqinisekisa okokuba bakhuliswa ngohlobo olufanelekileyo, amalungelo abo ayahlonitshwa, amakhaya nemo yentlalo abakhulela kuyo zibakhuthazela kwikamva eliqaqambileyo. Kungoko waseka ingxowa-mali iNelson Mandela Children’s Fund ukuze iqhubele phambili iinkqubo ezibonelela iimfuno zabantwana. Kungoko norhulumente esakhela izindlu izigidigidi zabantu abasematyotyombeni.

Kungoko kulo nyaka xa sikhumbula usuku lukaMandela, isininzi sethu sizingca ngokuba ilizwe lethu linconywa emhlabeni jikelele ngemigaqo-nkqubo kunye nemithetho ekhuthaza inkqubela phambili nophuhliso loluntu, kuquka umgaqo-nkqubo ngokukhuliswa kwabantwana okugxininisa iintsuku eziliwaka zokuqala ebomini bomntwana, ukusukela unina esazithwele ukuyokutsho kwiminyaka emibini umntwana ezelwe njengexesha elibalulekileyo ekwakhekeni kwesiseko sokukhula komntwana.

Kaloku kukho amava anzulu nobungqina obuphathekayo obubonisa okokuba uchitho-mali ngononophelo kwizinto ezifana nokutya okunesondlo, ukunikezelwa kweenkonzo ezisemgangathweni zezempilo nezemfundo kunembuyekezo encomekayo ekukhuleni komntwana ngokuthi kutshayelele amathuba angcono okokuba umntwana akhule esempilweni, afunde aphumelele amabanga aphakamileyo esikolweni, nokuthi abe ngummi welizwe onegalelo elililo kwezoqoqosho.

Okubaluleke nangakumbi kukuba kwikhaya ngalinye umntwana abenekhonkco lonxibelelwano nomntu omdala onothando nokhathalayo ngendlela akhuliswa ngayo umntwana. Kaloku ukungabikho komntu omdala osisigxina nokhathalayo kusengabangela iingxaki ezininzi ekukhuleni komntwana ngenxa yokungahoyeki ngokufanelekileyo. Ukuhoyeka komntwana akupheleli nje ekumtyiseni nasekumgcineni ekhuselekile ezingozini, koko kuquka ukumdlalisa ngohlobo olumgcina edlamkile. Okunqwenelekayo kukuba lowo uhoya umntwana akwazi ukusukumela phezulu amthuthuzele xa ekhala ngenxa yokokuba elambile okanye efuna ukutshintshwa iimpahla azimanzisileyo, xa egodola, okanye esozela. Kuthi kube nzima kakhulu kwiintsapho ezisematyotyombeni ngenxa yokungonelisekiswa kweemfuno zosapho okubangwa yindlala, ubuhlwempu, nentswela-msebenzi. Ematyotyombeni akukho zihlobo, zizalwane okanye abamelwane ubani angathembela kubo kwathini ngokuncedisana ekukhuliseni abantwana.

Okuxhalabisayo kwiindawo ezinamatyotyombe esele sinyathele kuzo kukuba ambalwa amaziko aziwa ngee-Early Childhood Development Centres okukhulisa afundise abantwana abaneminyaka engaphantsi kwesixhenxe. Okuqaphelekayo kukuba, kulamatyotyombe kukho ihambonzima engaphaya kunokokuba sicingela njengoko amaxhegwaza ezifumana ekhulisa abazukulwana ngethuba iintombi nomolokazana bephezu kweenzame zokufumana imisebenzi. Amanye amaxhegwazana akhulisa abazukulwana kuba abazali babo sebaswelweka. Bukhulu ubunzima bomthwalo wokukhulisa abantwana kwiintsapho ezininzi ezihluphekayo, ingakumbi ezisematyotyombeni. Le meko isikhokelela kwizikhalazo ngakurhulumente ngokurhuqa iinyawo ngokuphathelele kwizicwangciso zokukhusela amalungelo abantwana kunye neentsapho zabo njengoko kugunyazisiwe kumgaqo-siseko welizwe.

Xa siqwalasela kulo nyaka, iinkqubo zikarhulumente ezaqaliswa ilizwe lisaphethwe nguMongameli Mandela ezibonelela ukukhuliswa kwabantwana zisawa ngeneno ekuhlangabezeni neemfuno ezingundoqo ezingaqinisekisa ikamva eliqaqambileyo labantwana. Kungeso sizathu ke ekulindeleke okokuba urhulumente kunye nabo bonke abakhathalayo babhinqele phezulu ekulungiseni lo mba, ngenjongo zokuqhubela phambili umsebenzi oncomekayo owaqalwa livulandlela nesithwalandwe uMandela.