Kukhunjulwa uMaqoma eNtaba kaNdoda

KUZAKUKHUNJULWA uNkosi uJongamsobomvu Maqoma namhlanje kwintaba kaNdoda ngelinika imbeko
kumzila wokulwela nokukhusela umhlaba kwaleNkosi. 

UMaqoma ujijisene nemikhosi
yama Ngesi engavumi ukuba bathathele kubo umhlaba okufutshane kwintaba zase
Hogsburg ngonyaka ka 1818. Lo mcimbi uququzelelwa ngumbutho iNtinga Ntaba
kaNdoda nge njongo zokunika esi sidlakela imbeko esiyofaneleyo. 

Othethe egameni
lalombutho uMazibuko Jara uthi banenjongo ezibamnzi ngokukhumbula eliqhawe. “Siyaqala
ukuba nomsitho ololuhlobo egameni lika Nkosi uMaqoma, le nyanga yoMsintsi
yinyanga awazalwa ngayo uMaqoma kwaye lendawo ozakuqhutywa kuwo umsitho
ibalulekile kwimbali kaMaqoma,” uthethe watsho uJara. Uthi lomsitho uzakuqhutywa
ngomhla wokuzalwa ka Maqoma kunyaka ozayo umhla wethoba kwinyanga yoMsintsi.

 Ngenxa
yokujijisana namaNgesi uMaqoma wayakuvalelwa esiqithini eRobben Island
njengezinye iinkosi zeli waza wabhubhela apho. “Ingcwaba likaMaqoma likwaphaya
kwintaba kaNdoda, lantaba wayihlutha kuNkosi uNdoda wabathwa waza wathathela
kuye lantaba kodwa kamva waphinda wabonisa ukuba ithiywe ngoNdoda lantaba,utsho
uJara. 

Amathambo kaMaqoma abuyela kulentaba kaNdoda emva kokuba
owayengumongameli welizwe laseCiskie Lennox Sebe wathi wabuyisa amathambo ka
Maqoma angcwatywa ngokukutsha kulantaba. Kunyaka ophelileyo alizange lityhilwe
ilitye likaMaqoma emva kokuqava kweyantlukwano phakathi kwekhaya kunye
namasebe karhulumente kuquka nomasipala wase-Amathole.