Kukhunjulwa uNkosi Jongumsobomvu Maqoma

ENYE yeenkosi zakwaRharhabe eyakhe yazibalula kumzabalazo wokulwela abantu baseMzantsi Afrika uNkosi Jongumsobomvu Maqoma, uzakukhunjulwa ngegalelo lakhe kule mpela-veki.

UMaqoma uzelwe ngonyaka ka1798 ze wabhubhela eRobben Island ngo1873 emva kokubanjwa ngabacinezeli. ERobben Island, uMaqoma wayekunye nowakwakhe uNkosazana Katyi Maqoma .

UMaqoma wathabatha inxaxheba kwiimfazwe eziliqela ekuquka kuzo imfazwe yasemlanjeni eMthontsi eyaqala ngo1850 ukuya ngo1853.

Umsitho wokukhunjulwa uzakubanjelwa kwiNtaba kaNdoda eQoboqobo ngoMgqibelo apho amathambo akhe akhoyo. Lo msitho uququzelelwa ngumbutho iNtinga Ntaba kaNdoda, nengumbutho owasekwa ukuphuhlisa abantu beelali zakuQoboqobo kuquka nokuqaqambisa imbali kaMaqoma.

Umsitho wangoMgqibelo uzakwandulelwa kukusungulwa kwencwadi ngoMaqoma ethi Maqoma’s Last War: The Sinking of the Birkenhead. Le ncwadi, ngokubhalwa nguNicholas Dekker, izakusungulwa eSteve Biko Centre eGinsberg eQonce namhlanje.

UMazibuko Kanyiso Jara, umlawuli kwiNtinga Ntaba kaNdoda, uthi uMaqoma wayelithandazwe, umxhonkxi wesizwe, inkcakuba kwezopolitiko kwanomntu okholose ngabantu bakhe.

Le ncwadi izakusungulwa eSteve Biko Centre kulindeleke ukuba ingene banzi ekuzibandakanyeni kukaMaqoma kule mfazwe yasemlanjeni.

Emva kwencwadi, imibombo izakujoliswa kwiNtaba kaNdoda apho kuzakubanjwa umnyhadala weNtaba kaNdoda de ibengoMvulo umhla wamashumi amabini anesihlanu kule nyanga.