Kukhuthazwa abafundi beenjineli babhalise ne-ECSA

Bambalwa kakhulu abantu abawaziyo umsebenzi owenziwa yi-Engineering Council of South Africa (ECSA).

NgoLwesihlanu weveki edlulileyo eli qumrhu lijongene neenjineli eMzantsi Afrika jikelele belityelele eMonti. Injongo ibikukufundisa iinjineli ngokuba kubaluleke kangakanani ukuba injineli nganye ibhalise ne-ECSA xa igqibe uqeqesho lwayo.

Ingqonyela yeli qumrhu uSipho Madonsela oyinjineli ngokwakhe uthi, iyabasokolisa into yeenjineli ezisebenza zingabhaliswanga: “Ingcolisa igama lombutho kunye nomsebenzi wethu ngokubanzi. Kuba abantu abaninzi batyikitya amaphepha aqinisekisa ukuba kungaqalwa ulwakhiwo kwiindawo ezithile. Ingxaki kukuba nathi asinazo iziqinisekiso zobunjineli babo,” utshilo uMadonsela.

UMadonsela uvakalise inkxalabo yinkqubo yophuhliso lweenjineli eMpuma Koloni. Uthe ebetyelelwe ngumpathi wesebe lezolwakhiwo kweli phondo, novakalise intlungu yokunqaba kwabantu abanesakhono kulwakhiwo.

Eyonanto ifunekayo ngokokutsho kukaMadonsela kukuba i-ECSA ingene nzulu emsebenzini incedise ekuphuhlisweni kwezakhono zabantu

Zingaphaya kwekhulu iinjineli ebezizimase le ndibano ibibanjelwe kwiholo i-ICC, eQuigney. Into emangalisayo kukuba kuthiwe mayelana nepesenti ezingamashumi amahlanu anesihlanu kuzo, azikabhalisi ne-ECSA nje ngeenjineli eMzantsi Afrika.

Phakathi kwezinto ezilawulwa yi-ECSA singabalula ezi :Ukubhalisa iinjineli kunye nabantu abasele begqibezela uqeqesho lokuba zizo, Ukugunyazisa izifundo ezidibene nobunjineli kwiiyunivesithi nekholeji zoMzantsi Afrika, Ukuhlola iimpepha zeenjineli ezisuka kumazwe angaphandle ukwenzela ukuba zikwazi ukusebenza eMzantsi Afrika.

Into eyothusayo kukuba i-ECSA ayifumani nkxaso kurhulumente, imali iyifumani kumyinge obhatalwa ngabantu ababhalisileyo phantsi kwayo.

Umsebenzi weli qumrhu kulindeleke ukuba uhlalutywe, ngabantu ababhalise phantsi kwalo, ngurhulumente, ngamajelo eendaba kanti nomkhuseli woluntu onelungelo lokuqonda into afuna ukuyibuza.

“Iyasisokolisa into yeenjineli ezingafuniyo ukubhalisa, kunzima ukuba sithathelwe ingqalelo ngamanye amaqonga. Kumakhondo afana nobugqwetha, ubongikazi, ukuba ngugqirha kunyanzelekile umntu abhalise ukuze aqwalaselwe. Mhlawumbi kuyafuneka sidibane norhulumente, sithethane ukuba singenza njani na ukuba ibe sisinyanzeliso ukubhalisa komntu ukuze aqale ukusebenza njengenjineli,” utshilo uMadonsela. Enye into athi bayifumene sisikhalazo sokuba eli qumrhu alibalungiseleli, okanye libathethelele abasebenzi kubaqeshi babo, kodwa uthi zizinto abasebenza kuzo ezi kwaye zizakutshintsha kunge kudala. “Injineli eziselula zithe i-ECSA kufuneka iqale ukwenza iinkqubo zoqeqesho nezokuzikhulisa kulo msebenzi. Kuba bayangena balahleke nje endleleni kuba akukho mntu ubalandelelayo.”

U-Advocate Rebaone Gaorelwe ojongene necala lezomthetho kwi-ECSA uthi kufike ixesha lokuba kufuneka iiyunivesithi nazo zithathe inxaxheba kwi-ECSA.“Kufuneka abaphathi, kunye nabahlohli bezifundo zobunjineli nabo babhalise kuthi ukwenzela ukuba siyazi ukuba sithetha ngelizwe elinye,” utshilo uGaorelwe.

“Kufuneka siyenze uxanduva le nto into yokuqokelela bonke abafundi abenza unyaka wokugqibela kwizifundo zabo zobunjineli, ingakumbi abo baqhuba kakuhle sibafake kwiinkqubo ezizakubenza ukuba basondele kuthi kwaye babhalise nathi besafika kweli candelo.”

Nangona ingesosinyanzeliso into yokubhalisa ne-ECSA, zingamawaka angamashumi amahlanu iinjineli eziphantsi kwe-ECSA kweli kumacandelo ohlukeneyo. Zininzi izinto abaxhamla kuzo nezibancedisayo kakhulu. Ezi zinto ziquka: Ukuvumeleka ukuhamba nokusebenza kwamanye amazwe afana ne-UK, China, Japan, USA, Malaysia, Australia, New Zealand namanye amazwe.