Kukhutshwe umehl’akaboni weR50 000 ngokubulawa kwomnini weTornado

Umfanekiso oselugcinweni

AMAPOLISA ephondo akhuphe isixa semali samashumi amahlanu amawaka eerandi malunga nalowo unokuba nolwazi malunga nokudutyulwa kubulawe umnini weqela lebhola iTornado FC, uSiphiwo Nyobo. 


UNyobo (54)  wadutyulwa ngomhla wesibini kule nyanga ngethuba ephuma kwibala lezemidlalo iNorth End eMonti.


Amapolisa adiza ukuba uNyobo wahlaselwa ngamadoda amathathu angekaziwa, ephuma ebaleni. Abarhanelwa abo baye babaleka ngemoto eluhlobo lwe-Isuzu Swift engenanombolo.


Isithethi samaPolisa ePhondo uKapteni Khaya Tonjeni, uthi iinzame zokubhaqwa kwaba barhanelwa zenziwe ngaphandle kwempumelelo.


UTonjeni uthi kungoko kukhutshwe esi sixa semali ekubeni onolwazi eze ngaphambili ahlebele amapolisa. Okanye angatsalela umcuphi wetyala uKenel Bonisile Mkupa ku043 7070 653/10111. Kungenjalo aye kwisikhululo samapolisa esikufutshane naye. Lowo uze ngaphambili lakuba yimfihlo igama lakhe kwaye likhuseleke.