Kukhwetyulwa ulutsha kwizinto ezigwenxa

Abantwana abaselula eNorth Crest eMthatha bazakuxakeka ngeempelaveki kulandela ukuphehlelelwa ngokusesikweni kwequmrhu labantu abatsha elibizwa iCommunity Pathfinder phantsi kwebandla lamaSabatha (Seventh Day Adventist Church).

Nangona la maqumrhu ekhona kwezinye iindawo, kodwa iyakhula imfuneko yawo kwiindawo zalo mmandla waseMthatha ukunqanda nokunciphisa imicelimngeni ejongene nabantu abatsha abasemabandleni nabangekho kuwo.

Ngokokutsho kweli bandla, bakhweba bonke abantwana abatsha ukuqala kwiminyaka emine ukuya kwishumi elinesixhenxe ukuze luzofundiswa ngendlela yokukhula nokuluxhobisa ngezinto eziyingozi olujongene nazo.

Ingqonyela kweli qumrhu iPathfinder kwindawo yaseNorth Crest uNobathembu Ngebe uthi, isizathu sokuliphehlelela banqwenela ulutsha luzibandakanye nalo luxakeke ziimfundiso ezingenanto yakwenza nebandla elithile.

“Sikhwebe ulutsha lwaseNorth Crest neendawo ezikufuphi luzibandakanye neli qumrhu labantu abatsha, asikhethi mntwana osuka kwibandla elithile sifundisa abantwana abaku- manqanaba ohlukeneyo indlela yokuziphatha, indlela zokuthintela ukungena kulwaphulo mthetho, kwiziyobisi kwaye siyadibana rhoqo ngeeCawe ngentsimbi yesibini ukulungiselela abantwana bamabandla ohlukeneyo. Sinqwenela nezinye iindawo zilikope eli phulo lethu,” kutsho uNgebe.

I-Pathfinder Club ingaphezulu kweminyaka engamashumi amabini (20) ikhona kwiindawo ezifana neNgangelizwe eyaziwa ngobundlobongela neziyobisi, Slovo, edolophini nezinye iindawo.

UDorah Myira ongumqondisi kwiziko eliseNgangelizwe, ukwathi batyelela iiprojekiti zoluntu bebambisene nabantwana abaselula bebakhombisa iindlela zokuphila. Wongeze ngelithi, iingxaki abaziqaphelayo luxinzelelo koogxa babantwana, kodwa bame ngelithi mabangangeni kwiziyobisi.

Amasebe karhulumente equka amapolisa, iinkosi zemveli bathathe inxaxheba kolu phehlelelo. Iinkokeli zakwalizwi zithi abantwana abatsha ngabona bachaphazeleka ngamandla.