Kukucula kwiindawo zoluntu okukhulisa uBulela M

Bulela M

Imvumi eyaziwayo eMpuma Koloni, neyinzalwelwane yaseNgqamakhwe uBulela M ukhuphe icwecwe elitsha elithi, “Nzulu.” Le mvumi eyaziwa kakhulu kwizitalato zeedolophu zeli phondo ngokonwabisa uluntu ngomculo wayo wokholo ibhiyozela icwecwe lesixhenxe kwimbali yayo emculweni.

Nangona sele engusaziwayo uBulela M ngomculo wakhe usathe gqolo ukucula kwiindawo zika wonke-wonkle apho kufikelela nabani na abukele, kwaye azivele umculo wakhe.

Uthe: “Ngokuthanda ukucula kwam ezitalatweni ziindlela zokuzithengisa eluntwini kwanokuzazisa. Enye yezinto ayikokwazisa umculo wam kuphela ikwalulo nohlobo endidlulisa ngalo umyalezo kaThixo kubantu bakhe kuba ndikwanguye nomfundisi.

Andizenzeli ngokuthanda ukucula phandle ndisisithunywa sikaThixo. Ikwaku kubonisa uthando kubantu abasixhasayo. Abanye abantu ithuba lokuya enkonzweni abanalo ngokucula kwam phandle omnye nomnye uyaguquka nam ndiyakhula,” utshilo uBulela M.

Lo saziwayo ukhe wahlala naseGcuwa ekukhuleni kwakhe nalapho waphumelela ibanga lakhe leshumi eMsobomvu High. Kulapho aqale khona ukuzenzela igama esemncinci eculela amaqela asekuhlaleni afana neBlessed Voices, phambi kokucula kwikwayala yamagosa esebe lezoluleko aseMthatha.

Ukwa ngumfundisi kwinkonzo yamaZion iBantu Congregational Church eMooiplus eMonti nangona ekhulele eWisile apho asakhonza khona unina.

Uthi le ngoma ithi “Nzulu” kwelicwecwe lakhe uyicaphule kwiculo lamaWisile kwingoma ethi Nzulu yemfihlakalo. Kumculo wakhe usebenzisene neemvumi ezaziwayo kweli phondo, ezifana noNolusanda Mcinga. Uke wakhuphisana eqongeni neemvumi ezifana noHlengiwe Mhlaba kwakunye neqela leNcandweni kumnyhadala womculo wakwakwiCell C.

Ukanti ukwa ngumsunguli weqela iSimunye Voices Of Joy.