Kulimele ababini kuphango lwemoto eDyoki

Umfanekiso wendawo yexhawayelo ngakwisikolo samabanga aphantsi iET Thabane eNtokozweni, eUgie Umfanekiso: Kapa kaMajola

Umqhubi wenqwelo-mafutha nomnye obekhwele kunye naye basinde ngezikasibi xa bekuphangwa kuxhotyiwe ngabarhanelwa abane, nabathe gqi kufutshane behamba ngeenyawo kwilokishi yalapha eDyoki [Ugie] kufutshane naseMthatha.

Kuphango olu kusetyenziswe imikhono yekati kufutshane nesikolo samabanga aphantsi iE.T.Thabane ngexesha abantwana besikolo bebethuthwa besisiwa emakhaya ukuphuma kwaso.

“Uphango olunje lusibeka kwimeko yokungxunguphala kuba sizibona ukuba asikhuselekanga. Umsebenzi wethu kukuthutha abantwana besikolo sibase kwizikolo ezahlukeneyo. Xa sihlaselwa ngale ndlela isibangela ukuba sihlale sikwimeko yokutyhwatyhwa.” Utsho njalo omnye wosomashishini umnumzana uKhululekile Galeni nokwangumhlali kwalapha.

Ingxelo yabakhimkhanyo ihambisa ithi, kuthe ngelixa lokuphuma kwesikolo kwiveki ephelileyo kwafika abafana abane kanye ngethuba lokuthuthwa kwabantwana, kwaye khange balibazise bathulule ngerhuluwa benzakalisa umqhubi wenqwelo mafutha kunye nomnye obekhwele naye.

Umqhubi wenqwelo mafutha, nogama lakhe lingenakho ukukhankanywa ngenxa yemeko yezokhuseleko lwakhe, uyachacha kwibhedlele saseMaclear kufutshane nalapha ekunye nalowo ebekhwele kunye naye.

Kuthe umqhubi xa elilungiselela ukulayisha abantwana elinde kwisithuthi sakhe kunye nomkwheli obhinqileyo, badutyulwa bobabini ngaxesha linye.

Kuye kwafumumaniseka ukuba bobabini bafumene ukonzakala esinqeni kuba imbumbulu iye yabetha kumqhubi yatyhobozela kulo ebehleli naye.

Kuthe emva koko bathatha imoto neluhlobo lweveni baqhwesha ngayo. Akukho bantwana besikolo ebebekhwele ngelixesha kusenzeka lenquleqhu.

Abakwantsasana baye baleqisa kwabakhona ukutshintshiselana ngezithonga zemipu. Kuye kwathi kumgama onganga-mashumi amabini ekhilomitha [20km] ukusuka ngaseDyoki kwindlela ebheka ngaseMthatha, ngakwindawo ekuthiwa yiRocky Park baphuma abarhanelwa bababeleka abasicatyana beshiya isithuthi esibiweyo ngasemva.

Kuvulwe ityala lokuphanga kunye nelokuzama ukubulala kwisikhululo samapolisa saseDyoki.

Ngokwesithethi samapolisa * -Ursula Roelofse uthe kubanjwe umrhanelwa omnye kwaye uzakuthi avele okwesibini kufutshane nje kwikundla yamatyala ukuze aphendule ngezityholo zakhe.

isibhalo@inl.co.za