Kulindeleke ukuba avele enkundleni unyaka kaHope Zinde

Umfanekiso oselugcinweni kaHope Zinde ekunye nonyana wakhe uMark Zinde

UZAKUVELA enkundleni yamatyala eBrits namhlanje unyana
kasaziwayo uHope Zinde nowayesakuba lilungu lebhodi yakwaSABC.
 UMark Zinde wabanjwa
ngezityolo zokubulala unina uHope emva kokubhaqwa komzimba wakhe ungasemva
emotweni yakhe kwikhaya labo ellisePecanwood Estate eHartbeesport.
 

Umzimba kaHope wafunyanwa
ngomhla weshumi elinanye kwinyanga yeSilimela kulonyaka sikuwo, kubonakala
ukuba ebesele eneentsuku ebulewe.
Inkundla yayalela ukuba uMark asiwe kwisibhedlele sokuhlolwa
kwengqondo iWeskoppies Psychiatric ePitoli. 

Kulindeleke ukuba eli ziko likhuphe
iziphumo zolu hlolo lwengqondo, ngelinika inkundla ukuba ithathe isigqibo
ngendlela ekufanele ukuba ilandelwe ngeli tyala. UMark ujongene netyala
lokubulala kwanelokufunyanwa eneziyobisi.