UbuKumkani bamaMpondo eQawukeni eLusikisiki buza kuthatha amanyathelo ngolwaphulo mthetho oluxakileyo kula dolophu nolusele lugqithe nemiphefumlo yabantu.
Ukusukela kwiveki ephelileyo akukhange kubekho zinzo eLusikisiki ngenxa yolwaphulo mthetho oluphenjelelwa liqela lemiguvela ebizwa ngokuba “Vampire”.
Eli qela likhuthuza likwaqhekeza amakhaya wabantu bethatha izinto zamaxabiso eluntwini. Ngenxa yoku, abahlali babambe amadoda amathandathu kwiveki ephelileyo aza amane kuwo ahlangulwa ngamapolisa logama amabini atshiswe ngomlilo abhubha.
Inkosazana yobuKumkani bamaMpondo eQawukeni uWeziwe Sigcau uthi baxhalabile kukukhula kwezi ziganeko.
“Nangona ulwaphulo mthetho singafuni nokulubona apha emaMpondweni, kodwa asithandi ukubona abantu bethathela umthetho ezandleni zabo,” ucacise watsho uSigcau.
Amaxhoba amane asindileyo aqhawule ezandleni zabahlali ngokuthi ahlangulwe ngamapolisa aseLusikisiki aza abagcina eluvalelweni.
Amadoda amabini abuleweyo agalelwe ipetrol ephila, aza antunyekwa ngomlilo avutha ade abhubha kulo ndawo yexhwayelo.
“AmaMpondo ngabantu abanganyamezeli nto ingekhoyo, kodwa kunjalo siyacela ukuba babuye nganeno noko kuthethwe kuviwane,” uthethe watsho uSigcau.
Le nkosazana ixelele iphephandaba I’solezwe ukuba ibhunga lekoMkhulu libambe indibano ngoLwesibini ngelizama ukukhangela amacebo okulwa le ngxaki ukuze kubuyele uzinzo nenzolo emhlabeni kaFaku.
“Kule ndibano sijonge ukufumana iinkokheli eziphuma kanye kwindawo ezichaphazelekayo ukuze kukhangelwe amacebo okubuyisa uzinzo nocwangco kwezondawo zichaphazelekileyo,” utsho uSigcau.
Ukudlwengulwa kwabafundi kwelinye lamaziko emfundo ephakamileyo, ukukhuthuzwa kwabantu zezinye kwiziganeko ezibangele ukuba abantu bathathele umthetho ezandleni. Kukwakho ingxelo zokuba kuhlatywe abantu abathathu kwiziganeko ezahlukeneyo leliqela leVampires.
Othethela amapolisa eLusikisiki nasePort St Johns uMduduzi Godlwana, kwiveki ephelileyo, ukugxeke kabukhali ukubulawa kwabantu kwingxubakaxaka yaseLusikisiki.
Ukungabanjwa kwezaphuli-mthetho kubangela iingcwangu phakathi kwabahlali baseLusikisiki, itsho ingxelo.
siyabulela.mqikela@inl.co.za
Yintoni uMthetho oYilwayo weBELA?