Kuliwa ubusela bemfuyo eOR Tambo

Amafama aseOR Tambo exakeke ephawula iinkomo kwiinzame zokulwa ukubiwa kwemfuyo. Umfanekiso: Uthunyelwe

Ziinkomo ezingaphezulu kwekhulu ezithe zafakwa iimpawu ukuzama ukunqanda nokukhusela ukubiwa kwemfuyo okuxhaphake ngamandla kuMasipala wesithili saseOR Tambo naseMpuma Koloni ngokubanzi.

Ukuphawulwa kwezi nkomo kukhokelwe yiNtinga OR Tambo Development Agency ngeenjongo zokukhusela imihlambi yamafama kwingxaki yokuthathwa kwemfuyo ngamasela. Lo msebenzi wenziwe kwiilali zaseQokolweni, eMthatha, neqatshelwe ukuba nayo ineengxaki zokubiwa kwemfuyo.

EMpuma Koloni kukho iindawo apho imfuyo ithathwa ebuhlanti ngamasela – ekhona okanye engekho umnikazi wemfuyo.

Amafama aseOR Tambo exakeke ephawula iinkomo kwiinzame zokulwa ukubiwa kwemfuyo. Umfanekiso: Uthunyelwe

Ingxelo ithi kukho ukusebenzisana kwamasela emfuyo eMpuma Koloni nawaseLesotho, ukanti zikhona ezo zithathwa zithunyelwe kumazwe afana neMozambique ngokusebenzisa imida equka iNgwavuma eKZN.

Kuthiwa amafama wemfuyo angamashumi amahlanu aseOR Tambo afake isicelo sokuba anikwe iziqinisekiso zokuphawulwa kwemfuyo yawo ngelizama ukulwa ingxaki yokubiwa kwemfuyo.

USiyabulela Sangoni ngomnye wamafama othe wathatha inxaxheba kwinkqubo yokuphawulwa kwemfuyo ngelizama ukulwa ubusela.

Amafama aseOR Tambo exakeke ephawula iinkomo kwiinzame zokulwa ukubiwa kwemfuyo. Umfanekiso: Uthunyelwe

Iindlela zokuphawulwa kwemfuyo ziquka ukusikwa kwendlebe ngokweempawu zakudala, ukubekwa umbhalo esinqeni okanye ukufakwa icici ezindlebeni kwimfuyo.

Ukusikwa kwendlebe yindlela yakudala engasasebenziyo kule mihla kuba amasela afaka ezawo iimpawu ngokusika indlebe kwenye indawo.

Amafama aseOR Tambo exakeke ephawula iinkomo kwiinzame zokulwa ukubiwa kwemfuyo. Umfanekiso: Uthunyelwe