Kuliwa ukuhlaselwa koomama ngezityholo zokuthakathatha

Isebe lophuhliso loluntu eMpuma Koloni libekele bucala imali engangeR93.7 yezigidi (R93.7 million) kulo nyakamali ukuxhasa amaziko ajolise ekukhuseleni abantu abadala abathe gqolo ukubulawa ngezityholo zokuthakatha.

Ziliqela izehlo ezibikiweyo eMpuma Koloni kule minyaka imbalwa idlulileyo apho abantu abadala, uninzi ingamanina, bathe babulawa kalusizi kuba betyholwa ngentakatho.

kweyeThupha kunyaka ophelileyo, ixhegwazana elineminyaka engamashumi asibhozo anesihlanu latshiswa labhubha ngunyana walo ekunye nenkosikazi yakhe kulandela izityholo zokuthakatha kwilali yaseMachubeni eQoboshana eLady Frere.

KweyeThupha ngo2014, ixhegwazana elineminyaka engamashumi asibhozo anesine lahlatywa labhubha lityendyana laseCeru eGcuwa kuba lilityhola ngokuthakatha.

Ezi zehlo zikwavamile eMthatha, eNgcobo kuCentane, kuGatyana, eLusikisiki naseFlagstaff ukubala nje iindawo ezimbalwa.

Umphathiswa wesebe lophuhliso loluntu ephondweni uNancy Sihlwayi uthi, ukuzama ukunqanda oku, isebe libambe amaphulo kwiphondo lonke lifundisa ngamalungelo abantu abadala.

USihlwayi uthi, iilali ezifana neQhumanco neQeqe eNgcobo kwanoNdlunkulu eMthatha zizakunikwa ingqwalasela kuba bezikhe zanezehlo zokuhlaselwa koluntu.

“Sizakwenza uluhlu lwabantu abadala abangakhathelelekanga, silwenza ngokusebenzisana neenkosi,” utshilo uSihlwayi.

Uthe ngamaziko okhathalelo luntu (Community Based Care) angamashumi amane anesihlanu azakuthi axhaswe kulo nyakamali ukuqinisekisa ukuba bafumana uhoyo abaludingayo.