Kuliwa uSathana ubuqu eQumrha

ISENZO nje esinye esigwenxa osenzayo singangunozala wonxunguphalo kubomi bakho bonke.

Kwabanjalo nakuMziwonke Sokopo (32) waseQumrha. Kwakuphaya kwiminyaka yoo-2000 ngethuba uSokopo ecinga umkhwa wokuya kuphanga kuba efuna imali yokuthenga iziyobisi.

“Ukutshintsha kobomi bam kwenziwa sisenzo esigwenxa sokudlwengula nokuphanga. Ndandifuna imali yokuthenga iziyobisi,” utshilo uSokopo owagwetywa ngo-2001 efunda uGrade 11.

Ebethetha kwiholo loluntu elikwilokishi yaseQumrha kwimpelaveki esiyishiya ngasemva kumsitho obuququzelelwe yityalike iUniting Reformed Church in Southern Africa (URCSA).

Le tyalike isebenzise ithuba lemibhiyozo yosuku lamafa namagugu esizwe ukuzama ukhwebula ulutsha laseQumrha kusetyenziso leziyobisi.

Phambi kwentetho yezithethi ebezikhokelwa ngumphathi-nkqubo womsitho uBulelani Koyo woMhlobo Wenene FM, le tyalike ikhokele umngcelele obujikeleza kwilokishi yaseQumrha. Injongo yalo mngcelele ibikukuxelela ulutsha kule ndawo ukuba luhlukane nokusebenzisa iziyobisi.

USokopo uthi ubomi bakhe bema ngxi emva kokuba engine entolongweni.

“Zininzi izinto ezayenza yabuhlungu intliziyo yam. Ndabhujelwa ngutata ngo2008 ndiseziseleni, futhi andizange ndifumane kwathuba lokuya emngcwabeni. Ngo-2011, ngethuba ndiza kuphuma eziseleni, ndabhujelwa ngumama.

“Endikufumene ngenxa yesenzo sam andinqweneli ukuba kufunyanwe ngomnye umntu. Ngenxa yesehlo sam solwaphulo-mthetho abantu bandijonga ngenye indlela. Ndinqatyelwe nangamathuba omsebenzi kuba ndinesehlo solwaphulo-mthetho,” utshilo uSokopo, ohleli iminyaka elishumi entolongweni.

UMfundis’ uBulelani Vete weURCSA uthi abazali belokishi yaseQumrha bayakhala umhla nezolo ngenxa yezehlo zolwaphulo-mthetho eziphenjelelwa ziziyobisi.

“Nathi ecaweni asinobangwa, kuba siyaqhekezelwa ngenxa yolutsha abasebenzisa iziyobisi. Sibone ukuba masingathi cwaka sibona abantwana bethu betshabalala ngenxa yeziyobisi,” utshilo uVete.