Kulunge xa silulahla ngokwethu na?

Kumzabalazo wolutsha wowe-1976 nolwagwintelwa wona sisirhulumente salo mihla, eminye yemiba ephambili yayingumba wokusetyenziswa kweelwimi.

Lowo mbandela waluphatha emanyeni ulutsha lwaloo mihla lwabambana norhulumente ngeempondo, kwaphalala igazi elininzi salahlekelwa nazizihlobo.

Ndibukele ke iminyaka ihamba nje, ukuba loo nto yazuzwa ngegazi iphetheke njani na kwabo bayifumana ngokulilifa. Amalungelo eelwimi ndiwaqaphe ngelokhozi. Apha esiXhoseni ndiphawula ukuba abaniniso baneendawana zokusibukula.

Ubukhulu becala bathi siyathuka. Andazi ukuba xa umXhosa esithi sisiXhosa esithukayo kodwa yena abe ezishiya ngaphandle uthetha ukuthini na. Akunakuthi ungumXhosa isiXhosa siyathuka kanti asinguwe lo uthukayo!

Ulwimi aluzithethi luthethwa ngumntu, ngumntu owenza konke akwenzayo ngolwimi, hayi ulwimi lona ngokwalo. Umntu uyabonga, abulele, athuthuzele, ancome, athuke, anqule, athandaze, abongoze ngolwimi; asilolwimi ngokwalo olwenza ezo zinto, ngumntu.

Ndiphawula ukuba kuye kusanda ukungamkeleki kwamagama athile kwiindawo ezithile eluntwini. Endaweni yawo kufakwa awezinye iilwimi ukubiza kwaloo nto inye.

Andazi ke ukuba xa kanti leyo nto kuthiwa kuyathuka ukuyibiza ngesiXhosa kungani na ibizeka nje kolunye ulwimi, ingathuki!

Abantu banamhlanje umntu onesiphako somzimba bakhetha ukuthi ukhubazekile endaweni yokuthi sisilima. Baphambanisa intsingiselo yesiZulu neyesiXhosa yegama elithi isilima.

NgesiZulu ukuba sisilima kukungabi nangqondo, ngesiXhosa kukubandezeleka ngokwamalungu omzimba. Ngaphezu koko ke, igama elithi ukukhubazeka ligama ongenakulakha ngokwegrama yesiXhosa nongena kulilanda ngokwemveli yolwimi olu, ngokungafaniyo neli lithi isilima.

Nangona kuvumelekile ukuboleka kumagama asemzini kwizinto esingenazo ngokwemveli nesingena kuzithiya ngokoqulunqo-sigama sesiXhosa, kodwa akuboleki igama unalo. Kuyanda ke ukusetyenziswa kwegama ukukhubazeka, kuyancipha ukusetyenziswa kwelona lifanelekileyo. Kukwangokufanayo ke nelo lithi ukuhlukumeza endaweni yempatho-gadalala.

Bambi ke sebezakhele igwiba ngokuthi la magama ngawesiNguni.

Ndakubuza ukuba luthethwa phi ke olo lwimi kuse kube seluhayeni, kuba ke akukho lwimi kuthiwa sisiNguni.

Ukuba ke akukho lwimi lusisiNguni, akukho magama kuthiwa sisiNguni. Akhona amagama angena kwisiZulu nakwisiXhosa, akuthiwa ngawesiNguni, ngawezi lwimi. Zikho ke neentetha namabinzana angxengwayo ngamaXhosa asiwe kwezinye iilwimi. Umzekelo, abantu bathetha ngokudlala indima endaweni yokwenza indima. SisiNgesi esiyidlalayo indima, esiXhoseni indima iyenziwa ayidlalwa.

Amagama amalungu esini ke wona andisathethi ngawo. Andizazi izinto ezibizwa ngabantu xa besingise kumalungu esini.

Okuthi bayahlonipha kuse kube kukhona bathukayo, bebiza izinto ezinika umfanekiso-ngqondweni wento eyoyikekayo nangona ingazanga yabonwa, njengamazim namagongqongqo esawoyika singazange sawabona.

Okukhona bazama ukuhlonipha kuse kube kukhona bakwenza nzima ukuqondwa kwento abathetha ngayo.

Isimanga ke, kwalawo malungu manye bawankqangaza bengenasazela ngezinye iilwimi, kodwa xa bejamelene neemeko zezempilo apho kufuneka ebiziwe nangesiXhosa bayakhwankqiswa luqaqadeko lomguquleli. Ndaza ndakuva zwindini!

Ndibe sisisulu sokugxijwa ngoogxa bam kusithiwa ndiyathuka abanye besithi ndiyabiza okanye ndibomvu, kuba bendingenalwazi lwakungabizwa kwamagama athile.

Ukuhlonipha kunentsingiselo yako esiXhoseni, yenye yezinto ezenza uMntu, kodwa akuhlonitshwa njee nantoni na.

Andilwi nako ke ukuveliswa kwamagama amatsha nokuboleka, endilwa nako kukucinezelwa kwamagama angawo kumiswe awasemzini. Ndimemelela kulutsha ke ukuba lukhumbule iilwimi zalo kule nyanga yokukhunjulwa kobugorha bolutsha lowe-1976! Makwazeke ngalo ulutsha lowama-2016 ukuba zonke iilwimi zeli lizwe zikhululekile kwaye ziyalingana ukuba zisetyenziswe ngobunjalo bazo nakweyiphi na inkalo. Goba msebenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba