Kulunyukiswa abaqhubi eJeffreys Bay

Amapolisa aseJeffreys Bay alumkisa abaqhubi beemoto kule ndawo malunga nabantu abazenza ingathi bacela uncedo ecaleni kwendlela.

Esisilumkiso silandela emva kokuba kwenzeke isiganeko apho owasetyhini okumashumi asixhenxe kwakunye nendoda enamashumi amathathu ananye baye bahlaselwa emveni kokumiswa yindoda ezenze ngathi yonzakele.

Isithethi samapolisa alammandla uKapteni Gerda Swart uthi, ngethuba besamisele lo mrhanelwa kungene owesibini ephethe isixhobo esibukhali egrogrisa amaxhoba.

Umrhanelwa uye wabaleka nebhegi enemali engachazwanga. Amapolisa asaqhuba uphando.