Kulwe ababambelene ngentombazana kwaphuma isidumbu

Kubhubhe umfana onamashumi amabini anesine ubudala welali yaseNkelekethe eTheko Springs kuCentane emva kokuhlatywa yenye indoda ekukholelwa ukuba ubambelene nayo entokazini. Esi sehlo senzeke kwiveki ephelileyo. Othethela amapolisa aseGcuwa kwakunye nendawo ezingqongileyo uKapteni Jackson Manatha udize ukuba oku kwenzeke kumzi obunentonjane.

“Ixhoba eli liye lahlatywa ngumrhanelwa kumzimba ongentla labe sele libhubha ngoko nangoko. Unobangela wokulwa kwesi sibini side sibe siyabulalana, kukholelwa ukuba ibeyingxabano yesikhwele njengoko kuvakala ukuba ixhoba kwakunye nomrhanelwa bebebambelene kwintokazi enye,”utshilo uManatha. UManatha uthi, umrhanelwa akakabanjwa nangona nje esaziwa ngamapolisa nanjengoko ikwangowelali le. Amapolisa ala mmandla avule ityala lokubulala, kwaye ayaphanda.