Kumabonakude wakho kule veki

The Queen

Ingqina likaVuyiswa lizimisele ukujikela usapho lakwaKhoza.

USchumacher ufumana ukothuswa okungekuhlanga. Kukho oqweqwediswayo kwaKhoza. Obencuma noAdelaide umshiya enyanyeni.

Ukanti uDiamond usebenza eleqa ixesha, nalapho efuna ukuzalisekisa izicwangciso zakhe zokuziphindezela.

Muvhango

Kuvuka umlo omkhulu phakathi kweVendashians. UMulalo uthabatha unyawo ekulweni uRendani.

UVhangani unakubuza kuVho-Mukondeleli. ULivhuwani kuza kumele akhethe, nto leyo iza kubanzima kakhulu kuye.

USusan uza kuthabatha indlela entsha. UMulalo noRendani bajongana ubuso ngobuso.

Scandal!

Ababini bagqibela bethandana. UDintle ufumana isiqinisekiso sokuba iphupha lakhe liza kufezeka.

UGloria ufumanisa ukuba ukuzulisa kungabuya ngaye. ULayla uxelela uIngrid ngezigqibo zanaphakade, ukanti uIngrid ucela uncedo.

UGloria uzama ukwenza othile abenomona.

Isidingo

UNina ufumana ipasile eposini ngo-Obakeng, nethi imenze kubande umqolo.

ULalage noWendy balungiselela ukungquzulana. Kukho obeke iliso lakhe kuLungi. UGatanga uzama ukunceda uLincoln, kodwa izinto zijikela yena ngendlela engalindelekanga.

UHendrik noWendy bayasondelelana ngento engalindelekanga, ukanti uGabriel ubeke ilihlo lakhe kuLungi.

Uzalo

UMxolisi noQhabanga bafumana uHarbhajan, ze bafumanise ukuba akabathaphi thuba.

UMaMlambo uzama ukususa ingqondo kaNkunzi yokuba akanako ukukhulelwa.

UMam’ uMadlala ugqiba kwelokuba ehle esonyuka esenzela amantombazana imisetyenzana njengendlela yokuziphazamisa.

Ulahlekile uNosipho, ukanti uMnumzana uMadlala uvezwa nguMaMlambo ecaweni, ukanti uNkunzi unezicwangciso zokulwa neentshaba zakhe.

Rhythm City

ULungile usaphuncukile emlonyeni wengonyama, kodwa ukukrokra kwakhe kusamile.

Uyaqhuba uBlossom nokungaqheleki. UMapula ujongana okokugqibela noMnumzana Murray.

Uyasokola uSabelo ukunakekela abantwana. Ukanti uxinizelelo aphantsi kwalo uBlossom luya lusanda.

Generations: The Legacy

USmanga uthabatha indawo xa inkosikazi kabhuti wakhe iphalala.

Udliwanondlebe lukaNandi lubangela isankxwe. Abafundi banomsindo kwaye bekwakhathazekile ukuva ukuba uMnumzana uCarlson uzibeka phantsi iintambo.

Xa umcuphi uRoberts esala ukumnceda uLesedi, usebenzisa elinye iqhinga.

UTau ufumanisa ukuba owayekade encuma naye uneqabane elitsha.

Kuvuka umbhodamo xa kugaleleka umntu ongamkelekanga esingcwabeni.

Skeem Saam

Uyothuka uFanie xa exelelwa nguLehasa ukuba uyayazi imfihlo yakhe.

UMary uveza icala elingaziwayo nelingalindelekanga nakubani, nelishiya uMokgadi noMeikie bothukile. USphola noMapitsi bayothuka ukuzifumana sele bengathi batshatile.

Uyavuya uLehasa xa uFanie emnika iinkcukacha ezinokutshabalalisa uMarothi.

Ulonwabo kwaMagongwa luthabatha olunye unyawo xa uAlfred evulela othile isifuba sakhe malunga nobubi awathi wabenza.

UMapitsi noSphola baneendlela ezahlukeneyo ababona ngazo besaqala uhambo lwabo lwabathandanayo.