Kumenyelelwa izohlwayo eziqatha kubaqhwayi bodushe lasemakhaya

Amanina eendawo ezingqonge uMthatha eqhuba ingxoxo mpikiswano ngonobangela wodlame lwasemakhaya nomphathiswa wezokhuseleko uWeziwe Tikana, kwiholo yesixeko saseMthatha Umfanekiso: Sinikelo Goqweni

UMENYELELWE ngamanina aseMthatha, eNgcobo neendawo
ezizingqongileyo umphathiswa wezokhuseleko eMpuma Koloni uWeziwe Tikana ukuba
kunyanzeliswe izohlwayo eziqatha kwabafunyenwe benamatyala odushe lwasemakhaya.
Oku kuvele ngethuba la manina namagosa esebe lokhuseleko ephondweni ebambe
ingxoxo mpikiswano ngonozala wezi ziganeko kwiholo yesixeko saseMthatha
ngomgqibelo.

Abongoze uTikana ukuba akhawulezise inkqubo
yokusungulwa kwamaziko okhuseleko lwamaxhoba odushe lwasemakhaya, nelithande
ukwanda kule mimandla.
 Le ndibano ibibandakanya neemvana zamabandla akule
ngingqi, naphalaze ezawo iimbono. 

UMartin Scholt ongumphathi weli sebe ludize
ukuba indawo yaseMthatha, Lusikisiki neNgcobo zezona zihamba phambili. Umhlali
uFungiwe Bam uthe “Sinyanzelisa ukuba kusungulwe amaqonga okuthetha ngodushe
lwasemakhaya kwaye urhulumente makohlwaye abenzi balomkhuba ukuze abanye
bafunde isifundo.”

Kutyholwa  amapolisa ngokungaliniki ingqwalasela
udushe lwasemakhaya, njengezinye iindlela zolwaphulo mthetho, nangona uTikana
ephikisana noku.
 UTikana uthi ngabantu abangathathi
xanduva lwaneleyo ngokhuseleko lwabo. “Amapolisa angekhe aphumelele
ukulwa lengxaki ewodwa, kumele kuqiniswe ubudlelane nabahlali ukuze le ngxaki
ibeyimbali. Amanina makakhokhele ngomzekelo emakhaya kuzoncipha eziziganeko,”
utshilo.

Unjengele Liziwe Ntshinga ongumkomishinala
wamapolisa kweli phondo uthe xa amanina ephathwa gadalala makachaze lamatyala
emapoliseni kodwa xa engancedakali makaxelele abaphathi benkonzo yesipolisa.

Ingxelo yophando kaScholt ikwadize ukuba
abantu baseMthatha bahleli phantsi koloyiko ngenxa yokungabikho kothungelwano
lwenkonzo kunye nokunyuka kolwaphulo mthetho. Ukusetyenziswa ngokudlulisileyo
kotywala emakhaya kuchazwa njengomnye wonobangela wodushe lwasemakhaya.
 Kuvunyelwene ngokuqinisa intsebenziswano
phakathi kwabahlali namapolisa.