Kumi ngobume kwinkomfa yeANC ephondweni

UMBUTHO iANC eMpuma Koloni uzilungiselela ukubamba inkomfa yawo kwisithuba esingaphantsi kwiiveki ezimbini ukusukela ngoku, kulandela ukufumana isigunyaziso kwiinkokeli eziphezulu zalo mbutho.

Iinkokeli zeANC zikazwelonke eziquka uBheki Cele, Lindiwe Zulu, Jackson Mthembu noNosiviwe Mapisa-Nqakula beziseCalata House eQonce apho bekuxoxwa ngale nkomfa ekulindeleke ukuba ibanjelwe eMonti ukusuka ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe ukuya kumashumi amathathu kule nyanga.

Kodwa konke oku kungekafakwa ifuthe ziziphumo zenkundla ephakamileyo eMthatha namhlanje, apho ilungu leANC kule ngingqi lifake isimangalo lisithi lifuna ithatyathwe njengengekho semthethweni inkomfa yengingqi yase-OR Tambo eyayibanjwe ngonyaka ka-2015. Kule nkomfa uXolile Nkompela wonyulwa njengosihlalo ebetha uThandekile Sabisa.

Oonokrawuzane bathi iziphumo zenkundla ezitshabalalisa isikhokelo sase-OR Tambo, zingabangela ukuba imiswe le nkomfa yephondo.

Umbutho weANC, ngokomlomo kaOscar Mabuyane ongunobhala wephondo, wawuvakalisile ukuba uzakuliphikisa eli nyathelo lenkundla.

Ingingqi yase-OR Tambo ixhasa uMabuyane kugqatso lwakhe lokuba ngusihlalo weANC eMpuma Koloni apho aqubisana noPhumulo Masualle, ongusihlalo ze aphinde abeyiNkulumbuso.

Le ngingqi yase-OR Tambo yeyona inkulu eMpuma Koloni, into ethetha ukuba ukufumana inkxaso kuyo kuthetha ukufumana amanani athe xhaxhe.

Inkokeli yeANC engavumanga kudizwa ngagama ivakalise ukuba isikhokelo sephondo sele sinecebo lokuqinisekisa ngomkhombandlela onokuqinisekisa ukuba inkomfa ayimi, nokuba ziphuma zisithini iziphumo zenkundla.