Kumiselwe iqela lokujongana nezimali eAmathole

URHULUMENTE waseMpuma Koloni umisele iqela lamagosa okujongana nesicwangciso sokulungisa iimeko zezimali zikaMasipala weSithili iAmathole, kulandela isigqibo sokugunyazisa icandelo 139 (5)(a) elikuMgaqo Siseko.

Eli candelo ligunyazisa urhulumente wephondo ukuba amisele isicwangciso sokubuyisela esimeni iimeko zezimali xa umasipala ekwingxingongo ngokwezimali.

Ekuqaleni kwale nyanga, iAmathole ibhengeze ukuba ayizukukwazi ukuhlawula abasebenzi bayo iinyanga ezine ukusukela kwinyanga yoMdumba. Lo masipala, ngokwesizathu, ubusithi yome kroqo imiphanda yakhe yokukrwekrweda izimali.

Kodwa esi sibhengezo uphinde wasihlehlisa umasipala, emva kweengxoxo nabasemagunyeni.

NgoLwesithathu, urhulumente wephondo ubhengeze iqela eliza kujongana nezimali eAmathole. Eli qela liquka uMphathiswa weSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli ephondweni, uXolile Nqata, uMphathiswa wezeZimali ephondweni, uMlungisi Mvoko, uSihlalo weSALGA ephondweni, uMxolisi Koyo, kwanoSodolophu waseAmathole, uKhanyile Maneli.

Umsebenzi weli qela limiselweyo iza kuhlolwa ngengxelo eza kuthunyelwa rhoqo ngenyanga kurhulumente wephondo.