Kumkani Buyelekhaya: ‘Yikokoseni ngomona intsangu’

IKumkani yabaThembu, uBuyelekhaya Zwelibanzi Dalindyebo, ukhuthaze uluntu ukuba luthabathe inxaxheba kwishishini lentsangu, watsho ebiza esi sityalo njengemveli yeli esithi uluntu kufuneka “lubenomona” apha ekusikokoseni.

Ebethetha eMthatha kule veki ngethuba iSebe laseMpuma Koloni loPhuhliso lwamaPhandle kwakunye noHlengahlengiso kwezoMhlaba, belibambe umsitho wokufunxa izimvo zoluntu kumthetho oyilwayo wokusetyenziswa kwentsangu ngeenjongo zabucala.

IKumkani yabaThembu, engazifihliyo ekutshayeni intsangu, ibiwuzimasile lo msitho, kuquka noMphathiswa weli sebe, uNomakhosazana Meth, phakathi kwezinye iindwendwe.

“NjengeKumkani yenu ndininika imvume yokusebenzisa esi sityalo semveli (intsangu) ngokukhululekileyo nanjengoko sasinikwa zizinyanya zethu. Zonke iintlobo zentsangu mazibe semthethweni ngokuthe gabalala,” utshilo unyana kaKumkani Sabatha Dalindyebo.

UDalindyebo uxelele urhulumente ukuba kufuneka anyathelele phezulu kulo mthetho oyilwayo.

“Ixesha lokuthetha liphelile, sifuna intshukumo. Abantu bethu mabatyebe ngenxa yesi sityalo sethu semveli. Urhulumente makeve ngathi. Akukho nto inokwenziwa ngaphandle kwethu. Asifuni kwenzeke into ekhe yenzeka kwezinye izityalo ngaphambili apho sasinombona wethu wemveli, kodwa namhlanje sithenga umbona,” utshilo uDalindyebo.

UMeth uthe: “Njengorhulumente waseMpuma Koloni sijolise ekuphuhliseni ishishini lentsangu leebhiliyoni ngeebhiliyoni zeerandi eliza kunceda ekuxhobiseni abalimi abasakhasayo kwanokuphuhliswa kweziza zoshishino ezigxile [kushishino lwentsangu] ngokwezityalo, amachiza, amaphepha, ulwakhiwo, ezothungo.”