IKumkani yesizwe samaMpondomise oMzantsi Afrika uKumkani uZwelozuko Matiwane ubongoze isizwe sakhe namafama wesasizwe ukuba aqinise ukulima. Lo mzukulwana kaMatiwane uthethe namafama, neeNkosi zesizwe eUpper Kroza kuTsolo ngethuba ebesamnkela ugandaganda awuphiwe nguRhulumente.
Ethetha noMphathiswa weSebe lezolimo nophuhliso lamaphandle eMpuma Koloni uNonkqubela Pieters nomzukulwana kaDosini uthe.
“Mphathiswa, ndiyabulela kakhulu, kwaye ndikuthembile ngoku ukuba ungumntu osigcinayo isithembiso osenzileyo, wawulapha wathembisa ukuba uzakubuya, ubuye nyani usiphethele izinto ezintle,” kutsho uMatiwane.
UPieters unikise ngogandaganda wohlobo leLandini, iplantara, idiski, iikiliva, imihlakulo kwakunye nenkunzi yenkomo yohlobo leNguni.
Ebhekisa kumafama umntwana omhle uKumkani Matiwane ubongoze amafama namaMpondomise ukuba aqinise ekulimeni. “Nanku ugandaganda makulinywe maMpondomise, ayonto yodlala le, yeyokuba kulinywe kwenziwe ukutya ukulwa indlala,” kutsho uKumkani uMatiwane.
Uthembisa ukuba ilali ezikufutshane nekomkhulu zizakuxhamla ngaphandle kwamathandabuzo ngokuthi zilinyelwe amasimi azo. Eli komkhulu lingumzekelo ngokuba amasimi welikhaya lakwaMatiwane abonisa ukuba ayasetyenziswa.
“Mphathiswa konke oku awenzeli mna, awenzeli wena koko wenzela isizwe samaMpondomise, ngoko ke sizakumgcina logandaganda, uzakusebenza,” itsho leKumkani.
Ukanti uMphathiswa uNonkqubela Pieters uthembise ngokuba zikhona ezinye iigandaganda ezizayo kwisithili saseOR Tambo. “Kukho iigandaganda ezingamashumi amabini ananye ezizayo kwesi sithili saseOR Tambo, nani maMpondomise nizakufumana, kuba sikhuthaza ulimo,” kutsho uPieters.
UPieters usebenzise elithuba ukufundisa nokukhuthaza amafama wasemaMpondomiseni ukuba aqwalasele imali engana ngenxa yokulima nokufuya.
“Xa nithengisile gcinani imali, ukuze iphuhle ikhule imihlambi yenu kufuneka ukuba nithenge iigusha zoboya, ningafuyi iigusha ezinoboya, koko nifuye iigusha zoboya,” kutsho uPieters.
Emva kwedabi elide ubuKumkani bamaMpondomise bugqunyelelwe emva kokuba bacinywa ngexesha likaKumkani uMhlontlo, uZwelozuko ekunye nesizwe sakhe bayabuvusa obu buKumkani.
Umfama uMadoda Halam uchaze intlungu yakhe yokonakalelwa ngumbona ngenxa yokuba engenandawo yokuwuthengisa. “KuMphathiswa sicela amacebo okuthengisa umbona wethu, kunyaka ophelileyo ndilahlekelwe ziingxowa ezikumakhulu amathathu namashumi amahlanu, nakulo nyaka, uyabola umbona sincame siwuphe impahla kuba asinandawo sinokuwuthengisa kuyo,” kutsho uHalam.
UKumkani uZwelozuko Matiwane uthi umhlambi weenkomo zakhe uzakutshintsha ngenxa yenkomo ayinikwe nguRhulumente. “Le nkunzi yeyohlobo, ngoko izakunceda ukutshintsha imihlambi yethu, sizakuvelisa iinkomo zodidi oluphezulu ngenxa yale nkunzi,” kutsho uMatiwane.
UbuKumkani bamaMpondomise busuka kwimbali yokuzalwa kwamawele uMpondo noMpondomise bezalwa nguNjanya imfusiyabo inguXesibe.
Ixhwele laseKZN noonyana balo ababulala indoda baza kufaka isicelo sebheyile