Kumnyama eMzamomhle

Kwisitalato saseMzamomhle Umfanekiso: Buziwe Nocuze

Sele kuphele iiveki ezimbini kungekho mbane eMzamomhle, eGonubie eMonti. Oku kulandela emva kokuba kuqhushumbe ibhokisi yombane ekutsalwa kuyo umbane.

UZingisa Tshonyana nongumhlali wale ndawo uthe ubomi ngaphandle kombane bunzima kakhulu ingakumbi kwabo bangaphangeliyo nanjengoko kufuneka bezame ezinye iindlela zokuba balale betyile kwaye bebalungiselele nabantwana ukuya esikolweni.

“Umasipala wethu waseBuffalo City uthule kwaye asiboni ntshukumo ethi singawulungiselwa ngokukhawuleza umbane,” kutsho uTshonyana. 

Omnye wabahlali balapha uthe nangona esebenzisa isitovu sepalafini usachaneka kakhulu kuba akaphangeli kwaye ipalafini iyabiza kakhulu nanjengoko kunyanzeleka ukuba bayithenge yonke imihla. Uqhube wathi, “indlela ephela ngokukhawuleza ngayo kungekudala sizakuxakwa kukupheka kuba nale mali yokuyithenga ifumaneka nzima.” 

Asingobahlali kuphela abakhala ngokubethakala kukungabikho kombane kodwa noosomashishini balapha baveze ukuba amashishini abo akahambi kakuhle oko kwathi kwangabikho umbane kule ndawo. Omnye wabo uvakalise ukuba kunyanzeleke ayilahle inyama aiythengisayo kuba ibisele imoshakele kwaye abantu abazithengi izinto ezifana neziselo kuba befuna ezibandayo ntoleyo angakwazi ukubanika yona ngenxa yokuba isikhenkcezisi zingasebenzi. Uqhube wathi, “ininzi imali esele indilahlekele kwezi veki zimbini! Ininzi kakhulu kwaye xa sinokuhlala ezinye singachaneka kakhulu!”

Nabo baneendawo ezithengisa amagwinya, inyama evuthiweyo, itships zamazambane nezinye izinto bathe ulwamvila lokungabikho kombane luyavakala kuba abasenzi mali ibonakalayo oko kwathi kwangabikho mbane. Bakwavakalise ukuba le nto yokungabikho kombane ayichani nje bona kuphela kodwa neentsapho zabo ziyabetheka kuba uninzi lwabo ngowona msebenzi bawenzayo nongenisa imali abathi bondle ngayo iintsapho zabo. Aba bahlali bathe bayamcela bembongoza umasipala waseBCM ukuba abalungisele umbane ukuze bakwazi ukuqhubeka phambili nobomi. Ngethuba kuqhushumba le bhokisi uninzi lwabahlali luvakalise ukuba lwatshelwa zizinto ezininzi kuquka oonomathotholo, oomabonakude, iifiji kunye nezinye izinto.

Isithethi sikamasipala waseBuffalo City uSibusiso Cindi uthe unobangela wokuqhushumba kwebhokisi wenziwe kukufakelwa kombane ngokungekho mthethweni kule ndawo. Uqhube wathi, “le bhokisis iqhushumbileyo kuye kwanyanzeleka ukuba siyisuse, kodwa ke asikayifumani entsha nanjengoko siyilinde kwindawo esiyi-ode kuyo.”

Watsho esithi kuthatha iiveki ezintandathu ukuya kwezilishumi elinesibini ukuba zifike iibhokisi ezintsha. Ngako oko abahlali kuzakufuneka benyamezele. Lo kaCindi ukwamemelele abahlali bale ndawo ukuba bancedisane nalo masipala ukuzisa amagama abantu abazifakela umbane ngokungekho mthethweni, ukuze izinga lokuqhushumba kwezi bhokisi lehla kwaye xa bebazisa ngaphambili ithi lo nto sokuze bahlale ngaphandle kombane. Uqhube wathi, “abantu abazifakela umbane benza izinto nzima kuba kuchaphazeleka abantu abaninzi, yilonto sicela abahlali ukuba basincede babazise ngaphambili abantu abazifakela umbane.”