Ngabafundi abasibhozo (8), besikolo samabanga aphantsi iMgxotyeni Primary eDebe Nek, abangeniswe buphuthuphuthu izolo uLwesithathu kwisibhedlele iSS Dida ekuQoboqobo, besongeza kwinani labafundi baseKomani ebebengeniswe kwiveki ephelileyo eFrontier Hospital emva kokubonakalisa iimpawu ezingaqhelekanga kubo.
Ngokwengxelo ephuma kwiSebe lezeMpilo eMpuma Koloni lidize ukuba aba bafundi, kurhaneleka ukuba nabo batye ukutya okunetyhefu. Baqale ngokuhambisa begabha logama abanye bekhale ngentloko ebuhlungu.
Isithethi seli Sebe uSizwe Kupelo uthi, abafundi bangqine bonke ukuba bonke bagule emva kokuba betye iitships neebiskithi abazithenge kwivenkile kaMy Friend.
Abafundi baseMgxotyeni Primary bafumana unyango olukhawulezileyo.
Ukanti kwiveki ephelileyo bayi120, abafundi bezikolo ezibini KwaMlungisi eKomani abathe bangeniswa eFrontier emva kokubonakalisa iimpawu zokugabha, benezizaphuzaphu kwaye bezonwaya umzimba wonke.
Aba bafundi baphakathi kweminyaka esibhozo neshumi elinesihlanu ubudala bezelwe (8-15).
ISebe liqinisekisile ukuba akukho mntwana uphulukene nobomi bakhe koko bafumana unyango.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?