‘Kungosizi ukuvakalisa ukunduluka kukaAnothando’

IBHUBHILE intombazanana yaseNgavungavu eLibode eyazalwa ineempawu zomntu omdala, utshilo olitshantliziyo lamalungelo wabantwana uPetros Majola ngokuhlwa kwangoLwesithathu.

Le ntombazanana, uAnothando Mtshobi, ozelwe ngenyanga yeSilimela kulo nyaka, yathi yajikeleza kumakhasi onxibelelwano ngenxa yenkangeleko yayo.

Le meko yayo ifana neProgeria. Ngomthombo i-rarediseases.org, iProgeria yimeko enobuzaza nengaqhelekanga apho umntwana aye abeneempawu zomntu omdala kodwa umzimba ube umncinane. Emva kweenyanga ezimbini, ngokwalo mthombo, abantwana abaneProgeria baye banzonze ekukhuleni nto leyo iye ikhokelele kubufutshane kwanobucekeceke.

Anothando Mtshobi

Le meko kaAnothando yabangela ukuba urhulumente angenelele ngokuyithatha ayise esibhedlele ukuze ibephantsi kweliso loogqirha.

UMajola, ongomnye wabaqala baphakama ekukhangeleleni uncedo le ntombazanana, udize ngokuhlwa kwangoLwesithathu ukuba ufumene imvume kusapho lokubhengeza umphanga kaAnothando.

“Kungosizi ukuvakalisa ukunduluka kwale ntwazana namhlanje emva kokungeniswa esibhedlele ngenxa yempilo.

“Ndiyayazi ukuthi baninzi abantu abebezimisele ukuphosa esivivaneni ukuphucula ubomi nempilo yolusapho kodwa ke masizameni sincedisane anikwe inkonzo ezukileyo.

“Ngokutsho kwelungu losapho umhla wokubeka le ntwazana uAnothando Mtshobi sakuphinda siwazise. Menze aphumle ngonaphakade Nkosi, umkhanyisele ngokhanyiso olungacimiyo lo mntwana,” kubhale uMajola kuFacebook wakhe.