Amapolisa anikezela ngeR50 000 kuye nabani na onokuthi anike ulwazi olungakhokelela ekubanjweni nasekugwetyweni kwabarhanelwa abadlwengula nokuphanga abantwana abangamantombazana abahlanu besikolo eBityi, eMpuma Koloni, kweyeDwarha kunyaka ophelileyo.
Ngokwengxelo yamapolisa, ngomhla we30 kweyeDwarha 2024 malunga nentsimbi ye00:35 kwindawo yaseKhonqeni eXhongorha, eBityi, amantombazana asibhozo esikolo ayelele kuronta omnye ngethuba amadoda amabini angaziwayo angena ngenkani, emva koko aphanga iifowuni zala mantombazana ze emva koko adlwengula amahlanu kuwo.
Onolwazi olunokunceda kuphando lwamapolisa uyabongozwa ukuba aqhagamshelane nabecuphi abajongene neli tyala, umcuphi uKapteni Nomanjila ku082 697 5920 okanye uSajini Danisa ku071 352 4727 okanye ku047 531 2135. Kungenjalo, tsalela iCrime Stop ku08600 10111 okanye uthumele umyalezo kwiMySAPS App.
SONA 2025 | Intetho yobume besizwe epheleleyo